Isisombululo sendlala sisekusebenzeni umhlaba

Iqela labafundi kwezolima eliyingqokelela yolutsha olusuka kwindawo-ngendawo ezirhangqe uMasipala oMbaxa weOR Tambo liwongwe ngeempepha zobuntshatsheli ekulimeni ngoMgqibelo. Oku kuza emva kokuba eli qela lithe lalulamela ingqeqesho ngezolimo laze lavelisa isivuno ngokwemfundiso eliyizuze kwiphulo leMaster Rural Development Program.

Le nkqubo yeMaster Rural Development ibambisene neFoundation for Farming ezinze kwelaseZimbabwe nekhokhelwe nguNil Jackson ithathele kuyo uxanduva lokukhangela ize ifundise, ngaxesha linye ivula amathuba engqesho kwabo banentshiseko yezolimo, beswele nje ulwazi nezixhobo. Oku bakwenze ngokukhuthaza into ebizwa ngeOrganic Farming nejoliswe ekukhuseleni ubutyebi bomhlaba. IOrganic Farming nekubonakala gca! ukuba iye yayindlela yolimo ethe yamkeleka nakubemi beelali ezingqunge iMpindweni, inika umlimi isiqinisekiso sesivuno esisemgangathweni ngaphandle kweendleko.

Olu hlobo lolimo lwenziwa ngokusebenzisa kuphela amanzi emvula, kwaye libizwa ngeRain Water Harvesting. Oyena ndoqo kukusetyenziswa kwamakhasi ombona, maxa wambi kusetyenziswe ingca, ethi ibekwe ngaphezu komhlaba ukuze amanzi emvula akwazi ukugcineka ixesha elide emva kwemvula nomhlaba uhlale ufumile. Oku kuyawukhusela umhlaba ekukhukhulisekeni yimvula, okuye kushiye iindonga, kumke nobutyebi bawo.

UMnu. uDumisani Madalane nongumsunguli wale nkqubo iqeqesha abantu abangamashumi amathathu anesithandathu kwezolimo, ukwangungqondo-ngqondo kolu hlobo lolimo. Eli qhawe neligcambu zikule lali iphantsi kweNcambedlana, lagromba umngxunya ozii-litre ezingamashumi asibhozo amawaka, ngenjongo zokukhongozela ligcine amanzi emvula. Likwadize ukuba, zange nangolunye usuku lisebenzise amanzi asuka kwamasipala xa linkcenkceshela kuba enyangwa ngeChemicals ezinganobungozi kwizithole. 

Abaxhamli kule nkqubo banikwe ithuba lokuzilimela emakhaya emva kokuxhotyiswa nokubonelelwa ngezithole nenkxaso.

“Iinjongo zale ntshukumo kukudibanisa ubuThixo noLimo, kwaye ifundisa abantu ukulima ngohlobo lwangaphambili. Siquqela kwezindawo balime kuzo qho! ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba basebenza kokomyalelo kwaye ngethuba lokuvuthwa kwezivuno zabo sizakupapasha ngeentengiso koosomashishini ukuze baxhaswe ziivenkile abalimi.

Abaxhamli, uNosive Xozo, uFikiswa Ntinjana noMrapeti Libe bavakalise inkxalabo ngokungabinalwazi koluntu oluntsundu ngezolimo, batsho bazibophelela ekufundiseni  abo babangqongileyo ngale nyewe. OkaMadalane uthe, wafumana inkuthazo yokuxabisa amanzi kwinkomfa iUnited Nations Climate Change eyayibanjelwe eThekwini ngonyaka wama2011.

“Kulusizi ke ukuba namhlanje sibe singekaboni migudu yokuhlangabezana noko. Igadi ifuna ukukhathalelwa okosana kwaye ayifuni manqenerha”, kutsho okaMadalane.

Abaxhamli bathe ngenene bakholelwa ukuba ulimo sesona sisombululo kwiingxaki zentswela-ngqesho ezikhungathe eli loMzantsi Afrika.