‘Kwandiphazamisa ukonzakala kwedyoki yam’

Ihashe laseDutywa uAndazi aliphumelelanga kwiBerlin November

Ihashe elaziwayo jikelele eMpuma Koloni, * -Andazi, lishiyiwe kwiBerlin November 2017 – kodwa umnikazi walo, uMnu Nkunzi Ntantala, akaxolanga yindlela elibethwe ngayo.

Njengentshatsheli ka-2016, * -Andazi uye eBerlin eyokukhusela isicoco sakhe – kodwa akubanga njalo emva kokuba egilene nelinye ihashe kwawa iidyokhi kumdyarho wokuqala woompondo-zihlanjiwe.

USecret Boy waseQwaqwa usithathile isicoco salo nyaka nemali ekumashumi amahlanu amawaka eerandi (R50 000). UNtantala ukwamkele ukubethwa emdlalweni – kodwa ukhalela indawo le bekubalekelwa kuyo.

Ngosuku oluphambi komdyarho kwaye kwamanzi kwindawo ekuphaliselwa kuyo eBerlin ngenxa yemvula.

Ekuseni phambi kokuqala kwemidyarho kwaye kwagalelwa umhlaba osisabhunge kwindawo ekubalekela kuyo amahashe – kodwa ikhona indawo ekubonakala ngathi yayiwagcinile amanzi, kulapho * -Andazi nelinye ihashe bathi bagilana khona ukuze baphazamiseke.

Emva kokuwa kweedyoki, amahashe aye akalawuleka nangona aye ayokuphuma entanjeni. Kwabakho isiphithi-phithi esinjalo ukuze ashiywe * -Andazi.

Kufuneka kubekho ingca endaweni abalekela kuyo amahashe – kodwa kubonakala ngathi abaphathi bakhangela indlela emfutshane yokuvala iindawo ezinamanzi ukuze basebenzise isabhunge angakwaziyo ukubaleka ngokukhululekileyo amahashe kuso.

“Kwandiphazamisa kakhulu ukonzakala kwedyoki yam. Ithe idyoki yam iphilile – kodwa inezilonda ezidleleni. Konke okwenzekayo kwachaphazela indlela awabaleka ngayo amahashe wam,” utshilo uNkunzi.

Emva kokuphazamiseka kumdyarho wokuqala, * -Andazi waphinda wazama kwakhona nelinye ihashe ekuthiwa ngu-Asinamali – omabini la mahashe aqhuba kakhulu kumgama oyi-1200m.

“Wawashiya * -Asinamali amahashe phaya, ingxaki eyavelayo kukuba amahashe wam aphunyelwa ziintsimbi anyathela ngazo ngenxa yendawo ayebalekela kuyo. Ihashe alikwazi ukubaleka endleleni enehlalutye, kufuneka libaleke endaweni enengca bhetele,” uvale ngalo mazwi uNkunzi.