Bangangxameli ukugoduka abaseZimbabwe

Oko kuleveki iphelileyo sonke sithe ntsho amehlo kwimeko yelizwe laseZimbabwe. Simincile singayazi ukuba utata uRobert Mugabe uzakuvuma ukwehla okanye hayi. 

Ezinye zezinko ebezisimincisa kungayazi ukuba lonke olutshintsho lunyanzeliswayo luzakwenzeka kungaphalalanga gazi na. Tyhini, bayenza ngobunono nangobuchule abongamele umkhosi kwelalizwe sagcoba nathi ukubona abemi belalizwe bebhiyozela ukushiya kwesikhundla kukaMugabe kungakhange kubekho chaphaza lagazi.

Ukuba uyakhumbula kakuhle amatyathanga nabemi belalizwe, kuthi ke bantu basekuhlaleni, aye aqina ngonyaka ka2005 xa amafama amhlophe elalizwe eyexuthwa imhlaba yaze lonto yenza ezoqoqosho zelazwe zahexa kanobom. Okokuqala ezimbalini kwabakho inani elikhulu lamaZimbabwe elafudukayo lisiza kwelilethu ilizwe. Yayilunxungaphalo sibukele abantu besifa yindlala bezokukhangela amarhewu aluhlaza eMzantsi Afrika. 

Olufuduko ke lwabona abantu abazifundiswa kwelalizwe befika apha besenza imisebenzi esezantsi kakhulu kunemfundo yabo. Sabona oogqirha belalizwe befika apha besenza imisebenzi yegadi, iinjineli zodidi zehla imisetyenzana encinane khona ukuze babenemalana abayithumela ekhaya neyokuze bakwazi ukuziphilisa ngelixesha bengxungxile kweli lakuthi. Sazibona ngoku abantu esibaqeshayo ukuba basincede emakhayeni ethu, ngemisetyenzana yokucoca nokusijongela abantwana bethu uninzi lwabo ingabemi baseZimbabwe.

Nantso ke yafika imini ebikade ixelwa eZimbabwe yaqhuwuka idyokhwe yobukhoboka yobunkokheli bukaRobert Mugabe. Ndithetha nawe nje ababafo namagqiyazana aseZimbabwe apakisha imithwalo yabo kancinci kancini belungiselela indlela ebuyela ekhaya elizweni labo. Thina baqeshi babo savela sazala luloyiko ngokuba legenge yaseZimbabwe ikhuthele kakhulu, kwaye xa iwuphethe umsebenzi iwenza ngocoselelo nangokuzinikela nokuzimisela okukhulu. Izandla zethu zisezidleleni sikhedamiswa yilento izakusehlela kungentsuku zatywala.
Kaloku abantakwethu nosisi bethu aba balapha eMzantsi Afrika bangamanqenerha kakhulu kwaye balovela oogqirha nezicaka engqeshweni. Ingasuke kuthi kanti abantu bethu bafunde lukhulu kubemi baseZimbabwe abaxelenga nabo ngokukhuthala nangokuwuxabisa umsebenzi. Phofu ke ibikwa ngabantakwethu aba ababesenza ubundlobongela kubemi bangaphandle kuba besithi babagqibela imisebenzi, kanti isikhwa silima sikwalapha kuthi ngokungazimiseli engqeshweni, nangokungawasebenzisi amathuba oshishino akhoyo baphi kwethu.

Omnye sithe sincokola ngalento wasothula apha esikhalo esithi  xa enokumka lamntu waseZimbabwe umphotha iinwele akazazi angathini na. Nam ndancedisa kwelo ndisithi azuba owam umntwana uzakugcinwa ngubani. Yadanduluka nenye indoda isithi azuba iyadi yayo iyakwenzwa ngubani na xa bonke abemi belalizwe benokusihiya ngesiquphe.

Zonke ezincoko zindenze ndalibona igalelo elihle elenziwe ngabemi belalizwe ebomini bethu, masibancome ngomsebenzi wabo oncomekayo phakathi kwethu. Ndiyafuna ke nathi singaphakuzeli abazakuhamba bonke ngaxesha linye ukubuyela ezweni lakowabo, ininzi into ekufuneka ilungisiwe kwelalizwe kwaye yonke ayizukulunga ngemini enye. 

Siyayivuyela iZimbabwe nabemi bayo, kodwa ke nisicingele nathi baqeshi benu ningasishiyi ngesiquphe ningabhungisanga.