Ayikho evumileyo ukoyiswa eNelson Mandela Bay Stadium ngale njikalanga

Motjeka Madisha of Mamelodi Sundowns surroiunded by players during the Absa Premiership 2017/18 game between Chippa United and Mamelodi Sundowns at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth on 25 November 2017 © Deryck Foster/BackpagePix

Umdlalo we-Absa
Premier Soccer League obuphakathi kweChippa United neMamelodi Downs
ubuvutha bhe kwaye uwonwabisile amawaka-waka abalandeli ababezimase umdlalo –
kodwa ngelishwa labo uphele ebambene ngeqanda la maqela mabini eNelson Mandela
Bay Stadium ngale njikalanga. Emva kokubetha iBidvest Wits ngo’2-0 omhle
ekuqaleni kwale veki, iqela likaPitso Mosimane lize kulo mdlalo linethemba
lokufumana amanye amanqaku apheleleyo. Ifike kwiChippa ethanda ukungawahloniphi
maxa wambi amaqela amakhulu. IDowns ihamba eMpuma Koloni ingakwazanga
ukuyibetha iChippa kwimidlalo emibini; koweTelkom Knockout – iiChilli Boys
zayibetha iSundowns.

UJames
Okwuosa no-Ayabulela Konqobe baxhathise kwade kwase kugqibeleni kolo xinizelelo
belufakwa ngabadlali beDowns abafana noPercy Tau noSibusiso Vilakazi. Igqejwe iduma
olungophiyo iChippa ngethuba uDaniel Akpeyi ekhutshwa emdlalweni ngenxa
yokonzakala – kodwa naye uBrighton Mhlongo ungene wenza umsebenzi oncomekayo. Kuyiwe
kwisiqingatha sokuqala kungekho qela libhalisileyo ebhodini. Umdlalo uqale
kakuhle likhona ithemba lokubona amagowuli noxa kungabanga njalo ekugqibeleni. Kumzuzu
weshumi kwisigaba sokuqala iChippa iphantse yangcangcazelisa umnatha emva
kokuba u-Abel Mabaso ugobe ibhola enqandwe yopali ekwicala lasekhohlo.

UPitso
uwangxolisile amakhwenkwe wakhe ngethuba beye kwikhefu ngoba babuye bawufunqula
umgangatho womdlalo wabo – ntekunayo bafike kwiChippa ebibalungiselele kakuhle.
Nangona kungekho qela liphumeleleyo – kodwa wona umdlalo ubumhle kwaye omabini
ebekufuna ukuphumelela. Iqeka likaTeboho Moloi lisabambelele kwindawo yalo
kulawo asibhozo aphambili kwiPSL nasemva kwalo umdlalo. Impumelelo ngeyithathe
iDundowns yayibeka endaweni entle kakhulu kwiPSL.

Chippa United: Onyango, Langerman, Soumahoro, Ngcongca, Madisha,
Billiat, Kekana, Mabunda, Vilakazi, Manyisa, Tau

Mamelodi Sundowns: Onyango, Langerman,
Soumahoro, Ngcongca, Madisha, Billiat, Kekana, Mabunda, Vilakazi, Manyisa, Tau.