Abathengisi basezitalatweni banikwa i-R4 million

UMphathiswa wezezimali nophuhliso lwezoqoqosho eMpuma Koloni, uSakhumzi Somyo, izolo ubhengeze ukuba abathengisi basezitalatweni kummandla waseNyandeni naseMzimvubu bazakwabelwa imali ekwizigidi ezine (R4 million) ukuze kuphuculwe iindawo abathengisela kuzo.

Ethetha ePalamente eBhisho, ngethuba esenza intetho yohlahlo lwabiwo-mali lwaphakathi enyakeni, uSomyo uthi unika inkxaso abantu abathengisa ezitalatweni ngenxa yokuba banegalelo kuphuhliso lwezoqoqosho.

Ummandla waseNyandeni uquka iLibode neNgqeleni logama uMzimvubu usenziwa yiKwaBhaca naseMaxesibeni.

“Sithi makubemnandi macala kolu phuhliso loqoqosho noomama bethu abathengisayo kwiidolophu zethu bathengise phantsi kwemeko ezikhuselekileyo nezindilisekileyo,” utshilo uSomyo.

USomyo ukwathe ulutsha lwaseMpuma Koloni olukumakhulu amane (400) luzakuqeqeshwa phantsi komkhosi weli lizwe, watsho ebhengeza ukuba isebe lakhe lizakukhupha imali ekwizigidi ezivisayo luyisa kwi-Ofisi yeNkulumbuso ukuqinisekisa ukuba olu lutsha luqeqeshwa phantsi kweSouth African National Defence Force.

Kule mali, izigidi ezithathu zabelwe amaphulo okuphuhlisa ulutsha kwezolimo.

“Ulutsha malufinyeze luwathathe ngezandla zozibini lamathuba afumanekayo kwicandelo lezolimo.”