Ayifikanga igalelekile iBerlin November yodumo

Itumente yomdyarho wamahashe ebibanjelwe kuBomela eDutywa

LIphinde lafika ixesha lomsitho wolonwabo nomdyarho wamahashe omkhulu eMpuma Koloni.

Kwakusasa ngoMgqibelo, iidyokhi, amahashe nabanikazi bamahashe bazakuqundana kwiBerlin November yodumo – apho kulindeleke ukuba kukhuphisane oomanqanqa bamahashe abondlekileyo nabaqeqeshekileyo abaphuma kwiindawo ngeendawo kweli phondo nangaphaya kwemida yalo.

Lo mdyarho ukunyaka wesine uqhuba; indlela okhule ngayo iyamangalisa kwaye unike ithuba abantu basezilalini abebekade beyibona nje ngento yokudlala into yokuphalisa amahashe.

Wonke umntu obandakanyeka emahashini akafuni ukuphoswa yiBerlin November ngoba lelona qonga liphezulu ekukhutshiswana kulo eMpuma Koloni.

Kukulo mdyarho – apho ihashe laseDutywa elibizwa ngokuba ngu-Andazi elathi lazenzela udumo ngokuphumelela amashumi amahlanu amawaka eerandi (R50 000) kunyaka ophelileyo emva kokugqugqisa eBerlin.

Kulindeleke ukhuphiswano luthande ukuqina kulo unyaka ngoba zininzi iidyokhi ezifuna isicoco.

Kulindeleke kukhuphisane amahashe angaphaya kwamakhulu amabini kulo nyaka. Imidyarho izakwahlulwa kane; kukho abakhwetha, izigogo, amagqirha nawomhambi.

Enye yezinto ezithandwa ngabantu kwiBerlin November kukuba abantu bafumana ithuba lokuzenzela imali ngokubheja amahashe.

Phakathi kwamahashe ekulindeleke kukhethwe kuwo aquka uNkqonkqoza ekudala ehamba kwimidyarho emikhulu kweli phondo, uQhawulimvano namanye amaninzi.

Ukhuphiswano luzakuthatha olunye unyawo kulo nyaka, * -Andazi owagqugqisa kunyaka ophelileyo kulindeleke abesengxakini kulo unyaka ngakumbi emva kokubethwa kwiNgumbela Horse Racing ebibanjelwe eDutywa kutshanje.

Kulapho ihashe lakuCentane ekuthiwa nguKugqityiwe laphuma phambili khona – kodwa ngelishwa alizubakho kwiBerlin November yalo nyaka.