IDowns ifuna ukubuyisa izitya kwiChippa

UJames Okwousa weChippa United esilwa ngebhola noPercy Tau weMamelodi Sundowns kumdlalo obuseSisa Dukashe Stadium

Owona mdlalo we-Absa Premier Soccer League ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika kule mpelaveki, ngulowo uphakathi kweChippa United neMamelodi Sundowns.

Lo mdlalo, ekulindeleke iSundowns ikhangele indlela yokubuyisa izitya kwiiChilli Boys, uzakubanjelwa eNelson Mandela Bay Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

Amakhwenkwe kaPitso Mosimane akakaxoli ezintliziyweni zawo emva kokukhululiswa ijezi kwiTelkom Knockout ekuqaleni kwale nyanga.

UTeboho Moloi nabadlali bakhe bakhuthazekile kakhulu emva kokubetha iCape Town City neBidvest Wits kwimidlalo yePSL edlulileyo.

Umdlali odlala ephikweni emva kwiDowns, uSiyanda Zwane, uxelele uSABC Sport ekuqaleni kwale veki ukuba kunyanzelekile bayibethe iChippa United, ingakumbi emva kokubabetha kwiTelkom.

Kuzawunyanzeleka iiChilli Boys zizimisele ngoba iSundowns iza kulo mdlalo ikhuthazekile emva kokubetha iBidvest Wits ngo’2-0 kumdlalo obusekuqaleni kwale veki.

“IChippa yasikhupha kwiTelkom, lo ngumdlalo ekunyanzelekileyo siwuphumelele. Sithethile ngawo lo mdlalo, siya eBhayi sifuna ukubuyisa izitya. Silindele umdlalo onzima xa sidlala neChippa – kodwa iSundowns kufuneka iqinisekise ukuba iyaphumelela nokuba kuphi apho idlala khona,” utshilo uZwane.

Omnye wabadlali abaphambili kwiChippa United, uMark Mayambela, ubethe ngenqindi phantsi ngelithi iSundowns izakufika beyilindile. Amakhwenkwe kaTeboho Moloi ancwase ukuya kwikhefu lokuphela konyaka ephakathi kwamaqela aphambili kwiPSL.

“Siyayihlonipha iSundowns. Inabadlali nomqeqeshi osezingeni eliphezulu – kodwa ke nathi siliqela elinenjongo. Lo mdlalo siwufuna ngendlela efanayo nabo. Ekhaya kuyanyanzeleka siqine, sibabonisile eMonti kumdlalo weTelkom.

“Umqeqeshi wethu wenza umsebenzi omhle kakhulu kwaye usebenza ngokuzimisela. Yiyo lo nto singabadlali siqhuba kakuhle ebaleni. Enye into emncedayo kukuba kudala noko ekhona ebholeni kwaye siyazama ukumxhasa,” utshilo uMayambela.