Inkala ixinge etyeni kuMaBhoko-bhoko

Umqeqeshi waMaBhoko-bhoko, * -Allister Coetzee, uzibhaqa efuthaniswe luxinizelelo kwakhona emva kokungaphumeleli kweqela lakhe kwiveki ephelileyo eDublin.

UMzantsi Afrika uvuthululwe kanobom yi-Ireland ngo’38-3 kumdlalo wovavanyo – into emshiye emunqelwe uCoetzee futhi kunzima nokucacisa eyona nto ebangele iiBoks zibethwe kangaka.

Aqale kakuhle AmaBhoko-bhoko kulo nyaka, ngakumbi kwimidlalo ebilapha eMzantsi Afrika – apho abethe amazwe afana ne-Argentina neFrance – kodwa ngoku kukho abathi makahambe emva kweziphumo ezingancumisiyo kwimidlalo embalwa edlulileyo.

UMzantsi Afrika udibana neFrance kumdlalo wovavanyo ngo-21:45 eStade de France, eSaint Denis, ngoMgqibelo.

UCoetzee nabadlali bakhe banoxanduva lokuquma ihlazo balungise iimpazamo abazenze eDublin.

UCoetzee uyazi ukuba abadlali bakhe kufuneka banyuse umxakatho neengqondo zabo zibe semdlalweni ngokupheleleyo.

“Kunyanzelekile siyiphucule indlela esidlala ngayo xa sidibana neFrance,” utshilo uCoetzee.

pedro.mapelo@inl.co.za