Hlatshwayo: Asiboyiki abadlali beSenegal

Inkumanda
yeBafana Bafana, uThulani Hlatshwayo, akanalo nelincinci ixhala labadlali
abaziwayo beSenegal. UMzantsi Afrika uqubisana Senegal ekulindeleke ivuk’inje
bomvu kumdlalo wokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi okule veki ePeter Mokaba
Stadium ngokuhlwa ngoLwesihlanu. Ilizwe laseSenegal liza nazo zonke iziqwayi zalo
zabadlali ezifana noDiafra Sakho, uSadio Mane, u-Idrissa Gueye noCheikhou
Kouyate – kodwa nangona kunjalo, uHlatshwayo uthi mabeze. Omabini la mazwe
alwela indawo kwindebe yehlabathi yebhola ekhatywayo (2018 FIFA World Cup)
ezakubanjelwa eRussia kunyaka ozayo.

“Mna
ndicinga ukuba singaphumelela ngoba abadlali bayakwazi ukubaluleka kwawo kuthi
lo mdlalo. Umzekelo, kutshanje sidlale neNigeria inabadlali bayo bonke
abaziwayo – kodwa saphumelela ngoba sadlala ngendlela esasiwucwangcise ngayo
umdlalo. Nokuba uMane ukhona okanye akekho, kubalulekile ukuhlala kwindlela
yethu yokudlala,” utshilo uHlatshwayo.

Le ndedeba
iyeke phakathi ngethuba iqela lesizwe lizilolonga ekuqaleni kwale veki ngenxa
yokonzakala – akukacaci nokuba iyakudlala na ngoLwesihlanu.

Unozinti,
u-Itumelenge Khune, owenzakele eBhayi kwiveki ephelileyo, kuthiwa uzakudlala
enecheme kanti yena uThulani Serero akafunanga ukuza enkampini kungekho
siqinisekiso sokudlala kumqeqeshi weBafana Bafana. Ukuba akakwazi ukudlala
uHlatshwayo, indawo yakhe inokuthathwa ngomnye kwaba badlali: uMorgan Gould,
uClyton Daniels no-Eric Mathoho obekhe wangunyanyiswa ngenxa yekhadi elibomvu. Kunyanzelekile
uMzantsi Afrika ubethe iSenegal kwimidlalo emibini ukuze ubenethuba elicacileyo
lokukwazi ukuya eRussia.