Igama alihlonitshwa, kuhlonitshwa abantu

Kweli xesha likaxakeka, ingakumbi kwezepolitiki kweli laseMzantsi Afrika, thina kufuneka sime sibhale ngamagama esiXhosa kumaXhosa.

Uhleli nje ungumntu omnyama kufuneka uhlale usoyika; usisimumu esingakwazi ukuthetha ngokupheleleyo kuba usoyika ukugxekwa ngabo bakuthi awuhloniphi xa ubiza amagama athile.

Sihleli nje siyoyikisana. Siphinde sicinge ukuba inkululeko yinto apha esinokuze siyingcamle ngokupheleleyo singakwazi nokukhulula iilwimi ezi zethu?

Kwalo mba wokuhlonipha ingathi siwubamba esinqeni; ukuhlonipha ayikokungabizi amagama athile, ukuhlonipha sisenzo esibonisa ukuchubeka nembeko; oko kukuthi akukho gama lisisithuko ngokunokwalo, koko ngumntu othukayo esebenzisa igama elo.

Akuhlonitshwa gama, kuhlonitshwa abantu. Ukuba ulisebenzisela ukwenyelisa singatsho sithi awuhloniphi.

Nababhali beli phepha kunye neengcali zesiXhosa bayavumelana nathi kwelithi “ukuhlonipha kuyahluka ngokweendawo nemizi. Xa ke ubhalela isizwe usebenzisa ulwimi lomntu wonke, hayi izihlonipho zabathile.”

Eli phepha lifikelela kumehlo angama-322 000 qho ngeveki; kwabo bathe balifunda sifumane iincwadi ezisixhenxe kuphela ezicela kuhlonitshwe eli gama lingu “incanca.”

Olu ikwaluphawu lokusazi isiXhosa kumaXhosa athile. Incanca, kumntwana omncinci, libele likanina ancanca kulo ubisi.

Lime lodwa eli gama alikwazi ukuba sisithuko. Ukuba liyathuka makube kwa isiXhosa sisithuko kuba amagama aso ayathuka. Kwa eli gama liyakwazi ukubhekisa ‘kwilungu langasese lendoda’.

Sikhethe ukuhamba neli lisetyenziswe lixhoba ubuqu igama, * “incanca” nangona bekumele ukuba sililungise sathi “umthondo” okanye “inkanda” – noko eli lika ncanca libhekisa kubantwana, lifana neli loo “totosi”, njalo njalo.

SisiXhosa esi, kwaye sizakusisebenzisa ngobunjalo baso ngoba sesethu. Asinazintloni ngaso. Asizijongeli phantsi. Asiphili naloyiko. UmXhosa oneentloni ngesiXhosa, uneentloni ngobuni bakhe.