Imxinwa indlela yeBafana Bafana

Umqeqeshi weBafana Bafana uStuart Baxter umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Kubonakala ngathi umqeqeshi weBafana Bafana, uStuart Baxter, ujongene neyona ngxaki yakhe yankulu ukusukela oko wathi wamkela uxanduva lokusa iqela lesizwe kwindebe yehlabathi.

UMzantsi Afrika uza kungquzulana neSenegal kumdlalo ohlakulela indebe yehlabathi ePeter Mokaba Stadium ngorhatya ngoLwesihlanu.

Lo mdlalo uyaphindwa emva kokuba iFifa yafumanisa okokuba usompempe owayephethe umdlalo kunyaka ophelileyo wathatha izigqibo ezingachanekanga ngenxa yefuthe langaphandle kwemiba yebhola.

Izinto azimhambelanga kakuhle uBaxter ekuqaleni kweveki.

Unozinti weKaizer Chiefs, * -Itumeleng Khune, uye wonzakala kumdlalo obuseBhayi.

Kwelinye icala kubekho abadlali abafana noThulani Serero abangafunanga kuba yinxalenye yeqela lesizwe, uThulani Hlatshwayo uye wonzakala logama yena uHlompho Kekana ekhululwe ngenxa yengxaki ethe yavela ekhayeni lakhe.

Kuye wonke lo qulukubhode owenzekileyo kubekho ixhala lomdlali weSenegal obabazwayo ogama linguSadio Mane odlalela iLiverpool yaseNgilane.

Ubukho balo mdlali kongeza iingxaki zeBafana Bafana ekhangela indlela yokuya kwindebe yehlabathi eseRussia kunyaka ozayo.

UBaxter umanxada-nxada upheka iqhinga lokubetha iSenegal kwimidlalo emibini ukuze kuvuleke ithuba lokuya kwindebe yehlabathi.

UMzantsi Afrika uphantsi koxinizelelo emva kokungakwazi ukuzibekela indawo kwiindebe zehlabathi ezigqithileyo.

Eyona nto wayiqeshelwayo uBaxter kukusa iBafana Bafana kwindebe yehlabathi nakwi-Afcon ezayo.

Amathuba wokuya eRussia amfiliba – kodwa yona intlantsi yethemba isekhona ukuba iBafana Bafana ingayibetha iSenegal ezingela impumelelo kweyayo indawo.

UBaxter uyabazi ubunzima ajongene nabo – kodwa uthi ingqondo yakhe isekukhangeleni iqhinga lokubetha iSenegal – hayi ubukho bukaSadio Mane.

“Akufunekanga sizikhathaze ngaye kakhulu, ndifuna sigxile kwiqhinga lethu lokuphumelela qha. Kufuneka sifumene indlela yokuyihlasela iSenegal – kodwa sibe nendlela yokuvala emva. Lo mdlalo udlalelwa emhlabeni wethu, kufuneka sidlale sinethemba lokuphumelela,” utshilo uBaxter.

Le ndedeba yomNgesi itsho phandle ukuba iSenegal izakufika abadlali bayo bewulungele umdlalo.