UFuzile uzimisele ukumqhekeza uDlamini

Akanalo nelincinane uvalo * -Azinga Fuzile! Le mbethi manqindi yaseDuncan Village izakulwa noLerato Dlamini kumdlalo olandelayo kunyaka ozayo.

UFuzile, oyintshatsheli yeSA featherweight, ungqengqise uTshifiwa Monyayi kumjikelo wesithathu emva kokumhlabanisela ngemvula yamanqindi anamandla e-Emperors Palace, eKempton Park, kwiveki ephelileyo. Yena uDlamini, oyintshatsheli ye-IBF Youth Champion, woyise ngamanqaku igqala uSimphiwe Vetyeka.

Kulindeleke ezi mbethi-manqindi zidibane kowona mlo ujongwe ngamehlo abomvu ngenxa yendlela ezidlala kakuhle ngayo zombini.

Nangona ingqondo kaFuzile, 21, isezifundweni zakhe ngoku – kodwa uthi ufuna ukugqitha kulo mlo uzayo ukuze akwazi ukufumana ithuba lokulwa ngaphandle kwelizwe loMzantsi Afrika. “Andikaboni mntu endingathi ndibawela ukulwa naye. Njengokuba sesikolu khuphiswano, sendifuna ukugqibezela lona ukuze ndiphumele ngaphandle. Yinto ebendikade ndiyinqwenela leyo ngoku iyazenzekela. Ndikhululekile engqondweni ngoba eyokuqala into ndiyigqibile. Ndizakuqwalasela kakuhle iincwadi zam ke ngoku. Ndibulela kakhulu abantu abashiye iintsapho zabo bayokuxhasa mna eRhawutini. Nakwabo bangakwazanga ukuya eRhawutini ndiyabulela kubo.

“Ndixolile kuba yena (uDlamini) ukwazile ukuzibonakalisa phaya kuVetyeka. Kucacile ngoku ukuba uyayifuna le nto ayifunayo. Inye into esiyifunayo; ngoku lixesha lokuba kucace ukuba ngowuphi umpondo-zihlanjiwe. Umntu ngamnye unendlela alwa ngayo ekugqibeleni. Ngeke nditsho ukuba ndizakuthini, siza kuzilolonga kwakhona kwaye kulapho sakuthi sibone khona indlela esiza kumbetha ngayo,” utshilo uFuzile.

Indoda ephumeleleyo kula mabini iza kufumana imali esisiqingatha sezigidi zeerandi, ifumane nethuba lokulwela intshinga yehlabathi. “Besimlungiselele ngokupheleleyo uMunyayi. Siye phaya singamjongelanga phantsi. Akakwazanga ukunyamezela uMonyayi. Umthetho wam ndinjeya, qha abantu abafani. Ngamanye amaxesha umntu uyakwazi ukufumana umntu okwaziyo ukunyamezela,” utshilo uFuzile.