UNomvethe uhamba phambili ngokufaka amagowuli

Okwenzeke kwiveki ephelileyo ngethuba AmaZulu eqethula iMamelodi Sundowns ebihamba phambili ngegowuli elinye kugcwalise kanye intetha ethi umntu omdala akalahlwa.

USiyabonga ‘Bhele’ Nomvethe noMabhuti Khenyeza bafumene amagowuli ngethuba AmaZulu ebetha iDowns ngo’2-1 kumdlalo wePSL obubanjelwe eLucas Moripe Stadium.

EMzantsi Afrika kukho umkhwa ombi wokungahoywa kwabadlali abangaphaya kwamashumi amathathu eminyaka, kodwa yena uNomvethe azimtyhafisanga ezo zinto.

Eli gqala lakwaZulu-Natal lizenzele imbali ngokuba ngoyena mdlali onamagowuli amaninzi kwiPSL emva kokufaka igowuli lekhulu neshumi elinanye (111) kwiveki ephelileyo.

Utsibe uDaniel Mudau – owayedlalela iMamelodi Sundowns ngeentsuku zakhe.

Lo kaNomvethe, 39, ngomnye wabadlali abambalwa kakhulu abadlale eMzantsi Afrika abafikelele kumashumi amabini eminyaka bedlala kwinqanaba lebhola eliphezulu.

Waqala ukuzenzela igama ngethuba esadlala noSibusiso Zuma noPhumlani Mkhize ngeentsuku ze-African Wanderers. Emva koko uBhele waya kwiKaizer Chiefs – apho wakhula kakhulu ngokwasebholeni watsho wafumana namagowuli ayi-42 kwimidlalo eyi-79.

“Kuyandonwabisa ukuwela kweli rekhodi kuthi. Zange ndacinga nangemini enye ukuba ndingayenza into enje. Ndiyakuvuyela ukwenza irekhodi lamagowuli ayi-111. kunyanzelekile ukuba ndisebenze ngokuzimisela ngakumbi ngoku. Lo nto andiyithethi ngenxa yeli rekhodi; ndiyithetha kuba ndifuna ukuncedisa iqela – eyona nto siyiqashelweyo. Lifikile ixesha lokuba Usuthu lusukume ngoba zininzi izinto ezithethiweyo ngalo,” utshilo uNomvethe.

Eli gqala lichithe iminyaka emine yonke kwi-Udinese yase-Italy.

Wabuyela kwi-Orlando Pirates ahleli ixeshana kuyo. KukwiMoroka Swallows apho uBhele afumene amagowuli ayi-53 kwimidlalo eyi-149.

Ngoku ukuMaZulu azama ukubethelela indawo yawo kwiPSL.