UMgodi kaZahara uthengisa ngokukhawuleza!

Imvumikazi yasePhumlani cebukuhle eMonti kwiMpuma Koloni, uZahara Mkutukane, uphinde wenza imbali kwakhona.

UZahara, onembasa egama lakhe, ekugqibeleni ude wayikhupha i-albham yakhe ekudala ijongwe ngamehlo abomvu ebizwa uMgodi, kwaye ithengisa ngokukhawuleza.

Eli cwecwe litsha likaZahara liphume ngoLwesihlanu, kwaye ngeeyure nje ezintandathu labe lifikelele kwizinga legolide.

UZahara uvakalise uchulumanco ngohlobo oluqhuba ngayo eli cwecwe, ebulela kubalandeli bakhe ngenkxaso ethe gqolo.

Kweli cwecwe, uZahara usebenze noKirk Whalum kwingoma ebizwa Mfazi – ukhumbula ngosuku apho efumana isicelo sentsebenziswano kule mvumi yaseMelika.

“UKirk Whalum waguqa phantsi wandithandazela. Wayengafuni nokubhatalwa, weza apha kuba esithi ufuna ukwenza umculo nam,” utshilo kwincoko yakhe noDJ Fresh kwiMetro FM.

Le mvumikazi, eyafumana udumo ngecwecwe layo likaLoliwe ngo2011, iza kujikeleza ilizwe kuquka nokhenketho lwaseMelika kunyaka ozayo.

simphiwe.freddie@inl.co.za