USiya Kolisi uzingomba isifuba ngaMabhoko-bhoko

Umdlali wamaBhoko-bhoko uSiya Kolisi, uthi uyazingca ngomsebenzi owenziwe ngoogxa bakhe kwiveki ephelileyo UMFANEKISO: Phando Jikelo/ANA

Omnye wabadlali abaphambili kwiqela lesizwe lombhoxo, uSiya Kolisi, ukhalela iimpazamo abazenzayo bengabadlali njengoyena nobangela wokubethwa kwabo.

AmaBhoko-bhoko akhe phantsi isitya sigcwele kwakhona kwiNew Zealand abethwe ngo’25-24 kumdlalo weRugby Championship obubanjelwe eNewlands Stadium kwiveki ephelileyo. Umdlalo weeBoks ubuphucuke ngeyona ndlela kula mdlalo – kwaye wonke umntu uyavuma ukuba zisebenzile.

Iqela lika-Allister Coetzee liqubisene nee-All Blacks liphantsi koxinizelelo emva kokubethelwa oogqirha nezicaka ngo’57-0 yiNew Zealand enyathela kwanto ephambi kwayo. Nangona kwiRugby Championship bekungasekho nto sinethemba layo iSpringboks – kodwa abadlali baye badlala ngokukhulu ukuzimisela. Nangona kunjalo – kodwa izidlakela zaseNew Zealand zakwazi ukubaleka nempumelelo zashiya abadlali boMzantsi Afrika bezikhoth’ amanxeba kwakhona. “Ndinga ukuba sidlale kakuhle kakhulu kula mdlalo. Sichanwe ziimpazamo zethu ezimbalwa. Indlela esidlale ngayo ibuyisela ukuzithemba kuthi singabadlali. Nangona sivelise umdlalo ophucukileyo – kodwa asonelisekanga ngoba besinxanelwe impumelelo,” utshilo uKolisi.

Abadlali beeBoks kuye kwanyanzeleka basebenzise amandla ukuze bakhonkxe abadlali be-All Blacks abangabambekiyo xa bengabekwanga esweni emidlalweni. Zimpazamo ezenziwe ziiBoks ezinike iNew Zealand ithuba lokuba umdlalo. “Baye basebenzisa iimpazamo zethu kwaye baqinisekisa ukuba bayasicinezela. Balifumene ngolo hlobo ithuba lokulala emgceni – kodwa ndiyazingca kakhulu ngendlela esidlale ngayo kwaye ukapteni wethu * -Eben Etzebeth wasikhokela ngokwenene. Thina besingasenalo ithuba lokuphumelela iRugby Championship – kodwa eyona nto ebesiyilwela sisidima sethu. Abadlali basebenze ngendlela umdlalo owawulungiselelwe ngayo,” utsho uKolisi.

Uvumile ke kambe umdlali we-All Blacks, uSonny Bill Williams, emva komdlalo okokuba indlela iiBoks ezadlala ngayo yayilindelekile kwaye waphinda wavuma ukuba ngokwenene baphumelele bevile kweli tyeli.