Iindlavini, iindladiya neenjubaqa zeANC

“Mama, khange uthi uya kwinkomfa yeANC na? Kutheni wabuya udumbe inyheke, uxhwithwe neenwele?” okanye “Tata, wabuya wophuke ingalo khange uthi uya kwinkomfa yeANC na?” Le yimibuzo esicinga ukuba ibuzwe ngabantwana babazali abathe bonzakala kule nkomfa yeANC siphuma kuyo.

Igama elingu “ihlazo” lincinci kakhulu kwaye alikwazi ukuyicacisa indlela ekhangeleka ngayo yonke le nkomfa yeANC ephondweni. Kule veki iphelileyo sabhala sisithi inkulumbuso ekwangusihlalo weANC eMpuma Koloni, uPhumulo Masualle uyakube uyibalile xa anokusuke adede avulele inkokeli entsha, ngoba kaloku yena sele ekhokele amatyeli amabini. Noko, elesithathu?

Ukuba eberhoxe kwasekuqaleni ngekungakhange kuphalale gazi kwela holo laseConvention Centre laseMonti ngoMgqibelo. Ukutsho njalo ayikokuxhasa uOscar Mabuyane; umbutho ofana neANC ngowabantu kuqala, hayi iinkokeli. Ibibuhlungu into esiyibone pha; iinkokeli zisebenzisa abantu bakuthi ekufezekiseni iinkanuko zabo zokuphatha okanye zokutya. Yintoni ke eyenza abantu batshele kwizikhundla njengaba bakaMasualle? Luthando lwezicoco okanye kukunyoluka nje? Mhlawumbi basagcwalisa izikhaftina zabo ngamafa esizukulwana esilandelayo?

Abakagqibi ukutya okanye ukurhwaphiliza ukuba beberhwaphiliza? Le nto yenzeke apha ephondweni kule veki iphelileyo iza kuyibetha kakhulu iANC. Yintlekisa nje yombutho eyaziwa ngokujula izitulo ngoku. Le ndlela yokuziphatha kwabantu abadala kangaka idala ukuba intlonipho ngakubo inciphe.

Ikwadala isikrokro sokuba inkomfa kazwelonke yeANC ayinokuqhubeka kunje. Kwakuphalala igazi ukuba abantu bazimisele ukuqhuba kanje kwaye ayinokothusa konke konke eyokuba ihlehliselwe unyaka ozayo le siyilindele kweyoMnga. Ingaba na iseyila ANC yooTambo na le?

Abantwana bala mama unkulwe ngamaqabane okanye la tata wophulwe ingalo bona siqinisekile ukuba iANC abayiboni njengambutho; bayibona njengekhaya leenjubaqa, iindladiya zeendlavini qha.