Umsitho woonobuhle baseGcuwa ngoMgqibelo!

Abantwana abancinane ngexesha babengenele koonobuhle beButterworth Hawkers Association

Ukhe wanayo inyhweba yokubuka ubuhle beentombi zedolophu yaseGcuwa okanye uzibuke xa zihamba eqongeni ziqhayisa ngokumila kwazo kakuhle?

Ngale mpelaveki ngoMgqibelo yiba nedinga nale dolophu kuba umbutho wabathengisi zitalatweni, iButterworth Hawkers Association ubambisene nesikhululo sasekuhlaleni iKhanya Community Radio, uzakuphathela umsitho woonobuhle kwiholo yedolophu.

Injongo yalo msitho ibifudula ikukonwabisa kwakunye nokuphuhlisa eli candelo eMnquma, kodwa ngoku akuphelelanga apho.

Umququzeleli walo msitho nokwangumsasazi eKhanya FM, uMbongeni Mthembu, uthe bazakunika ithuba iimvumi ezisakhulayo ukuba zitshintshiselane ngeqonga zicula, kwaye nemali abaza kuyenza ngomsitho baza kuncedisa ngayo kwintsapho ezingathathi ntweni.“NgoMgqibelo sicwangcisele ukuba iimvumi zethu ezisakhulayo zonwabise uluntu ngomculo wazo, kodwa eyona nto iphambili kukwenza imali esiza kuyisebenzisa ukuncedisana neentsapho ezisokolayo,” utshilo uMthembu.

IButterworth Hawkers Association yaziwa kakhulu ngokubinza okanye ukuncedisa kumakhaya asokolayo eMnquma, ingakumbi kwindawo yoogobityholo eyaziwa njengeSkeit.

Ixesha elininzi amalungu alo mbutho akhupha kuwo empokothweni imali xa enceda iintsapho zakhona.

UMthembu uthi rhoqo ngeyoMnga ingakumbi ngosuku lweKrisimesi, iintsapho ezisokolayo ziye zibonakale nakuthathatha ukuba azithathi ntweni nto leyo abafuna ukuyiguqula kulo nyaka.“NgeyoMnga sakuthengela abo bangathathi ntweni izipho kunye nento esiwa phantsi kwempumlo,” uqhube watsho. Umsitho ubanjwa minyaka le, kwaye abo bangenelayo baqala kwiminyaka esezantsi uyokuma kumashumi amabini ananye.NangoMgqibelo uza kuqhuba ngaloo miqathango lo msitho uxhaswa yiKhanya FM ngokuwupapasha emoyeni. Ukanti zikhona neevenkile zaseGcuwa ezixhasa lo msitho, nangona kunjalo, uMthembu uthi nabo basanqwenela ukuncedisa basenalo ithuba lokwenza njalo.

Umsitho uza kuqalwa ngoonomngqushwana ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa ngoMgqibelo kude kufikelele ixesha labadala. Emnyango kungenwa ngemali engange R30 logama abantwana bezakungena ngeR15.

Kwalapha kuwo umsitho kuza kubakho nooDJ abaza konwabisa uluntu kude kuse kube yiCawe kusasa.