URabada unoxanduva lokunceda iProteas ngoLwesihlanu

NgoLwesihlanu, iqela lesizwe leqakamba loMzantsi Afrika iProteas, liza kuphinda lijamelane neBangladesh kumdlalo wesibini wovavanyo.

UMzantsi Afrika uphumelele umdlalo wokuqala wovavanyo ngemitsi eyi-333. Ukusebenza ngokuzimisela kukaKagiso Radaba kuncede kakhulu iProteas ngokuwisa oothinti abathathu beBangladesh kumdlalo wokuqala. Indlela edlale ngayo iProteas khange ibenalo ityheneba ngenxa yokungabikho kukaMorne Morkel. Into eza kuncumisa abanye abadlali kukubizwa kukaDane Paterson weCape Cobras okulindeleke ukuba abuthe umthwalo. Lo mdlali ubizwe mva kwiqela eliza kudlala umdlalo wovavanyo oqala ngoLwesihlanu. UPaterson ungena endaweni kaMorkel, nowenzakele engalweni ngoMvulo. Umphathi weProteas uMohammed Mossajee uyicacisile into yokwenzakala kukaMorkel. “UMorkel uye wakhala ngeentlungu kwingalo yakhe yasekhohlo emdlalweni, kuye kwanyanzeleka ukuba ayeke phakathi. Sithe xa simjonga, sifumanise ukuba ukrazuke isihlunu,” utshilo.

Bakhona abadlali abenze umsebenzi ongcono kumdlalo udlulileyo. UDean Elgar nguye umdlali onkqenkqeza phambili ekuqhokreni kwiProteas kulo unyaka, uzibonakalisile amatyeli amaninzi, ukwazile ukufumana ikhulu lakhe lemitsi nakumdlalo wovavanyo. Ikwanguye ofumene iwonga lokuba ngumdlali obalaseleyo kulo mdlalo wovavanyo ngoMvulo. Eyona nto yenza ixhala nakwiKapteni yeProteas uFaf du Plessis ngabaqhokri kuba uthi iimpazamo abazenzileyo ziphantse zabangela baphulukana nomdlalo. Uthi eyona nto imvuyisayo kukuba ezinye iingxaki abathethe ngazo ekuqaleni konyaka zilungisekile. URabada esebenzisana noMorkel ngabona badlali bawise oothinti abaninzi kolu vavanyo.

NangoMvulo udlale ngokuzimisela. Ubonakalisile ukuba angakwazi ukumelana nalo naluphi na uxanduva anokuthi adibane nalo ngoLwesihlanu. Namhlanje kulindeleke ukuba iProteas zindulukele eBloemfontein ukwenza amalungiselelo okugqibela.