Ezosasazo nesigama sesiXhosa

Abezosasazo basoloko befumana ukugxekwa ngomgangatho wesiXhosa abasisebenzisayo emoyeni nasemaphepheni.

Ndiyabavela ke, kuba ekusabeleni kwam ndiyafumanisa ukuba ubukhulu becala abenziwa kukugeza, koko kukuxakwa nangona lukho ke olo luchwe lokungeva kuxelelwa.

Apha ekungaphula-phulini sele bexelelwa baziphendulela ngelithi akunqabanga ukufumanisa ukuba abo bathi bayabalungisa kwabona abagqibelelanga, kumanye amaxesha bayabalahlekisa.

Kulapho bathi bakhethe ukwenza oko bakuqondayo ke. Nam ke andiziyekeli apha ekubagxekeni, kuba enokuba kubangwa yintoni na oko bububugwenxa, ubugwenxa ke buyathethiswa.

Ezosasazo zinefuthe elimandla kuphuhliso lweelwimi. Zinako ukulutshabalalisa ulwimi okanye ziluguqule lube yinto engazange yabonwa. Apha ekugxekeni kwam ndithe make ndilungise uluntu ngezi mpazamo zabo, ndibayeke bona.

Isizathu ke kukuba uninzi lwezinto abazithethayo nabazibhalayo bazifumana kwalapha ebantwini. Zizinto ezidalwa kukwehla kwezinga lomgangatho wesiXhosa emakhaya nasezikolweni.

Abantwana baphuma esikolweni bengakwazi ukubhala ngokukuko, babe bephuma kumakhaya ateketayo.

Abanye babantwana bathunyelwa kwizikolo ezingena siXhosa njengolwimi lwasekhaya, ze kuthi apha ekufundeleni umsebenzi kwabo, bazokuwa kula majelo ezosasazo ethu, basizele nesi sikwilikwili ke.

Kukho amagama esiXhosa amaninzi ke angenzi ntsingiselo esiweva kwezosasazo naseluntwini ngokubanzi nekucingwa ukuba ngamagama achanekileyo noxa ewuphosile umhlola.

Igama elithi “saziwayo” ligama elithandwayo kwaye baninzi abantu abanqwenela ukuba ngoosaziwayo! Eli gama alichanekanga ke ukuchaza le nto kucingwa ukuba lichaza yona.

Wonke umntu unomaziyo, akukho mntu ungaziwayo. Kwaye nabo kuthiwa “ngoosaziwayo” banabangabaziyo.

Elona gama lichanekileyo lelithi “indumasi” nelibalula ukuba lowo kusingiswe kuye unento adume ngayo, hayi aziwa ngayo. Wonke umntu uyaziwa, nokuba waziwa ngunina kuphela na. Kodwa asinguye wonke umntu othi abe nendumasi.

Ukwakhiwa kweli gama kuthathelwa kumagama afana nala: indumiso, indumasiso, udumo. Elona gama lichanekileyo ke “yindumasi” endaweni kasaziwayo oxhaphakileyo kwabezosasazo.

Elinye igama abalithandayo lelo lithi “ukudlala indima”. Eli gama lithathwe njengoko linjalo esiNgesini leziswa esiXhoseni ngokungathi asinalo elesiXhosa.

AmaXhosa azinzileyo engqondweni nekungabona bantu banoxanduva lokukhulisa abancinci akuthiyile ukudlala; ukupuca akuyekela abantwana.

Ukuba ufuna ukuxabana namaXhosa dlalisa ngawo. Indima ayidlalwa esiXhoseni, iyenziwa. Elona gama lichanekileyo kukwenza indima, hayi ukudlala indima. Igama elithi “ukukhubazeka” lithathwe linjengoko linjalo esiZulwini laza kuthiwa gximfi esiXhoseni.

Ligama elingenantsingiselo nongeke ulakhe ngokwegrama yesiXhosa, kungekho namagama wambi unokuwakhupha kulo. Elona gama lichanekileyo nelakhekayo ngokwegrama yesiXhosa lelo lithi “ubulima”.

Eli gama lobulima ke litshabhiswe kukuba intsingiselo yalo kunaniswe ngayo esiZulwini, apho lithetha ukugula ngengqondo.

Kukuphambanisa izinto ukuthatha intsingiselo yegama lolunye ulwimi uyise kolunye. Ubulima esiXhoseni ayikokugula ngengqondo kukubandezeleka ngokwamalungu omzimba.

Abezosasazo bakhala ngomntu “onesikhumba esikhanyayo” okanye “onesikhumba esimhlophe” xa bethetha ngomntu “onkawu”. Ngelabo ke bazama ukungcendeza, bebhanxwa yipolitiki.

Oku kuyafana nale nto yokufika kukhalwa “ngabantu bebala” xa kuthethwa ngabantu abalawu; kuthathwa isiNgesi sithiwe ntimfa esiXhoseni sinjengoko sinjalo, sibhanxeke ke ngoku.

Ulwazi oluncinci luyimpoxo, kuba kukungaziwa kwemibala yolusu neyesikhumba oku kuxakekisa abantu.

Ukuba bendinomhlaba owaneleyo bendisengabalula namanye amagama atenxileyo ekucingwa ukuba afanelekile.

Andisafuni kuyichaphazela ke imivakalo-zwi kwabezeentengiso zikanomathotholo! Use ungazi nobuyazi ngenxa yokubizwa tenxileyo kwintengiso.

Kambe ke oku akugcushuwa ilunjwe ngabezosasazo, kodwa isasazwa ngabo. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.