UBiko wayeqhuba ipolitiki ngeefowuni zakwa-Ellerines

Ingcwaba likaStephen Bantu Biko, eQonceIMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UBANTU Steve Biko wayokuvula ityala lentengo-mboleko (akhawunti) kwa-Ellerines eQonce ekuqaleni kweminyaka yoo1970 noxa nje wayeyazi ukuba akanamali, kanti lonke eli thuba uphantsi kweqhinga lokuxandisa ipolitiki.

Kanjani?

“Ndandiphangela kwa-Ellerines eQonce, ndeva ngoBantu esithi ufuna ukuzovula i-akhawunti. Ndazibuza, ‘njani engenamali?’ Wayivula ke i-akhawunti, wayithenga ibhedi kodwa ndandiyazi ukuba uBantu kuza kubanzima ukubhatala kuba ndandiyazi ukuba akanamali kakuhle,” kutsho umhlobo kaBiko uPromotia Mangcu (65), owayekhula neli qhawe eGinsberg eQonce.

UMangcu uncokolele I’solezwe kwindlu yakhe eGinsberg, kufuphi nesikolo iForbes Grant apho uBiko akhe wafunda khona. Indlu kaMangcu ithe gabalala. Izigaba zakhe zentetho zinongwe ngepolitiki, ekucaca ukuba uyirhabule hayi nje kancinane.

Uthi emva kokuba evule le akhawunti uBiko, kwaqengqeleka iinyanga ezintathu engabhatali.

“Yayindim ojongene namatyala, ndifowunela abathengi, ndidlane indlebe nabantu ndive ukuba kutheni bengabhatali. Awusokuze uyikholelwe ukuba uSteve wayevele afike apha evenkileni, endaweni yokuxela ukuba uzakubhatala nini, angene kwipolitiki afowunele abantu bezopolitiko ngefowuni yakwaEllerines,” utshilo uMangcu, eqikileka yintsini.

Akucaci eyona eyade yenzeka ngeli tyala lakwa-Ellerines, kodwa uMangcu uthi sokuze ayilibale le nto. Umchaza uBiko njengomntu owayehloniphekile, ebanceda abantu.

“UBiko wandisindisa ndihlatyiwe apha eGinsberg. Ngenxa yokuba ndandigoloza ndingafuni ukuya esibhedlele, wafika ekuseni, wandivusa wathi masiye esibhedlele eGrey, apho ndafika ndathungwa. Ndizama ukuthi uBiko wayemkhathalele umntu, efikeleleka. Iimfundiso zikaBantu zindenze ndakwazi ukusebenza noluntu .

“UBiko wayengesosigwili, engenamali. Into awayenayo sisisa, ebangela ukuba abantu bahlale bemlangazelela. Wayekhuthaza ukuzithemba emntwini,” utshilo uMangcu.

Omnye umhlobo kaBiko, uFikile Mlinda (71), ukwachaze uBiko njengomntu owayefikeleleka, komdala nomncinane – ofundileyo nongafundanga. UMlinda ngomnye wabo babebambe ibhokisi kaBiko ngethuba lokungcwatywa kwakhe ngo1977.

“Ukuba ibingekho imifanekiso yam engqina ukuba ndandiphethe ibhokisi kaSteve Biko, ngendibaphikisa abantu kuba ingqondo yam yayingasebenzi,” utsho uMlinda.

Uthi wayekhula noBiko eGinsberg, befunda bobabini eCharles Morgan.

“Ngenxa yokuba wayekrelekrele kwanyanzeleka ukuba angamfundi uStandard 4. Wasuka kuStandard 3 waya kuStandard 5, ndabe mna ndifunda uStandard 4.

“Saphuma eCharles Morgan saya eForbes Grant. Ukuba andiphazami kwakuphaya ngonyaka ka1961, kusandula ukusekwa iqela lomculo laphesheya iThe Beetles, linengoma eyayisemanqwanqweni ethi Hard Days Night. Sasisithi xa ingqondo idinwe kukufunda ebusuku esikolweni sicule le ngoma, kwacaca ukuba kukho umfundi ongayithandiyo le nto yokucula kwethu ebusuku wayosixela kwinqununu. “Emva kokuba sixeliwe, lo mfo wanikwa igumbi lakhe yedwa kwithala leencwadi.

“Sasikhula nje apha elokishini, mna ndingemdanga kwezopolitiko. Kodwa ndikuxelela ukuba kwanyanzeleka ukuba ndizibandakanye nezopolitiko, emva kokuba endikhuthazile kulandela ukubuya kwakhe KwaZulu Natal, evalwe umlomo kwezopolitiko. Ndangena kwiBlack People’s Convention (BPC) ngenxa yakhe,” utshilo uMlinda.

Ethetha kumsitho obuququzelelwe yiSteve Biko Foundation eSteve Biko Centre, eGinsberg ngoLwesibini, uMfundisi Thembelani Jentile, ophande ingqiqi-buThixo ngoBiko, uthe: “Ukuba uya kwiiyunivesithi zeli, iingqiqi-buThixo (theologians) zimhloniphe kakhulu uSteve Biko, ezinye zabo zimbiza ingqiqi-buThixo buqu logama ezinye zimbiza njengomntu ongcwele (saint).”

“Emva kokuba ndifunde izinto ezibhalwe ngoBiko, nezo zibhalwe nguye, ndiye ndaphuma nento yokuba uSteve Biko wayengcwele.

“UBiko wathi xa ejonga icawe wafumanisa ukuba asiyondawo yokubumba umntu omnyama. UBiko wabona ipolitiki njengesixhobo sokuhambisa ivangeli yobulungisa. Wayesebenza ngale ndlela uYesu wayesebenza ngayo. UBiko wayekholelwa ukuba icawe iyakulunga xa amabandla ekhokelwa ngabantu abamnyama, ukuze iintshumayelo zithethe ngeengxaki okanye indlela abaphila ngayo abantu abamnyama,” utshilo uJentile.