‘Mhlawumbi ngebendibulele’-ixhoba lodlwengulo kuKomani

Ixhoba lodlwengulo lakuKomani, elisindiswe ngunina emva kokuhlaba amadoda amathathu abelifolele elidlwengula, lithi liyabubulela ubugorha bukamama walo kuba mhlawumbi ngelibhubhile emva kokudlwengulwa.

Le ntwazana eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe yaseZwartwater kuKomani, yadlwengulwa ngamadoda amathathu eyifolele kwindlu engasetyenziswa mntu.

Yancedwa ngumhlobo wayo owayokubikela umama wayo. Umama wexhoba oneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu, wafika exhobe ngemela yakhe, wahlaba indoda yokuqala, waya kweyesibini nakweyesithathu.

Enye kula madoda yabhubha logama abanye basiwa esibhedlele.

Le ntwazana ithi yayigrogriswa ngala madoda, futhi yayisele isoyikisela ubomi bayo.

“Ndarhuqwa ngomnye, abanye balandela nabo, bafika babe sele bendikhulula ngenkani bendigrogrisa besithi nokuba ndingakhala ndimosha ixesha kuba andizukuviwa mntu. Ndandisele ndinikezele kuba ndingenathemba ndisithi ndiyafa.” lidize oko ixhoba nangona lisithi lisaphakuzela nje.

Mhlawumbi ngebendibulele,” itshilo le ntwazana.

Indoda eyabhubha ngethuba ihlatywa ngulo mama nguMncedisi Vuba (27) nohlobeneyo nexhoba, logama ababini abezanayo uZamekile Siyeka (27) kwakunye noXolisile Siyeka (26) bafumana amanxeba nabasinda ngokubaleka.

Omnye kwaba bakwaSiyeka uphumile esibhedlele eFrontier kuKomani apho bebelele khona useziseleni, ngelixa omnye esashiyeke esibhedlele.

Umama wexhoba ngethuba ethetha nephephandaba I’solezwe, udize ukuba akazisoli nakanye ngakwenzileyo kuba mhlawumbi ngebhubhile umntwana wakhe.

“Andizisoli nakanye kuba umntwana wam ngebemdlwengule bakugqiba bambulalela kula ndlu ingasahlali mntu. Bendizincamile ndizama ukusindisa umntwana wam nam, amandla andiwazi aye avela phi xa ndandibabuza ukuba benzani xa ndandifika befole umgca phezu komntwana wam bemvulele imela, umbono ombi.

“Ukuza kwabo ngqo kum bexhobile xa ndandibuza benzani, kulapho ndathi ndakubona ngoko ndaqalisa ukuzilwela nam. Ndahlaba owokuqala ndalandela ngowesibini, owesithathu ndimchane xa ezama ukubaleka,” utshilo lo mama.

Emva kwebali eli, umama uye wabonakala eyindumasi kumakhasi onxibelelwano apho uluntu luye lahlokoma lincoma ngento athe wayenza.

Uninzi lwamagqwetha athembise ngokummela lo mama kwaye kukwavulwe nebhanki yephulo lamagqwetha eli phondo azakunceda olu sapho. Okwangoku ngabantu abayi115 esele bebethe imali eyiR85 607.41.

Oku kulandela ukubanjwa kwalo mama apho wabekwa ityala lokubulala nelokuzama ukubulala ze wakhululwa ngebheyile yeR500.

“Ndiziva ndonwabile, ndiyababulela kuba imali yokubhatala igqwetha elithembakeleyo andinayo andiphangeli, ndixhomekeke kwimali yesibonelelo yabantwana. Kwa iR500 yebheyile endiphume ngayo ibiyeyemboleko nendingekayibuyisi nayo kumntu wayo,” uvale ngelo umama wexhoba.

Umama lo uzakubuyela kwakhona ngomhla wesithoba kwinkundla zamatyala kuKomani nangona esithi wayelele kwizisele zaseLady Frere.

Elokudlwengulwa komntwana wakhe ityala linamhlanje (Lwesine) kwinkundla yakuKomani.

Ukanti uMkomishinala wamapolisa uLieutenant General Liziwe Ntshinga uthe akazukuphawula ngalo mba, esithi bawunikele kwiinkundla zomthetho.