Imbi into esiyenze kuSibongile siyiMedia

Ukhe ubone xa uthumela umntu imali ngefowuni – oo-eWallet aba – ukhe ubone phofu ukuba kubakho umyalezo webhanki ozikhuphayo kwimpazamo onokuyenza xa uyithumela komnye umntu? Nangona zizikhupha ibhanki kwezi zinto, iinkundla zamatyala ziyakwazi ukuyilandelela imiba enje, zisebenzisa into ekuthiwa yi

rei vindicatio (isiLatini, xa umnikazi enyanzelisa ukubuyiselwa kwento yakhe ayithumele ngempazamo). Iba yinto ende. Xa umntu enexesha angachwetheza ityala likaNissan South Africa (Pty) Ltd kunye noFirstrand Bank Limited kuGoogle akhe azifundele ngempazamo yezigidi ezilishumi elinesibini zeerandi nokuba laphela lisithini.

Kwabethakala lo wenze impazamo. Masibuyele kumba kaSibongile Mani (27), umfundi waseWSU esikwabhale ngaye kwiphepha lesihlanu kweli, owelwe yintywenka yezigidi ezilishumi elinesine, emva kwempazamo ka-IntelliMali.

USibongile sele ‘etye’ into epha kuma-R800 000 yaze into engangeshumi elinesithathu lezigidi leerandi yathathwa ngu-IntelliMali kwakhona. Sibhala nje abakwa-IntelliMali bavule ityala lobusela ngakuSibongile, eBerlin.

Kuhle ke, mhlawumbi iyakutsho ivele inyaniso kwaye kuvele nethuba lokuba aphume etshaya kweli tyala uSibongile. Kuyacaca mhlophe ukuba lukhona unyawo lwemfene kuyo yonke le nyewe ngoba kwa uSibongile lo uyatsho ukuba wayichaza le mpazamo isandokwenzeka yaze iyunivesithi yathatha ixesha layo.

Kukwakho namahumhum okuba kukho umntu ngaphakathi owathi makabe ebambelela kule mali oSibongile. Asinabungqina boko. Kodwa siqinisekile konke oku kwakuvela kwinkundla yamatyala.

NgoMvulo sibone umbono obuhlungu womfundi onkcithwa ngabanye abafundi bekhwaza oo “NoMillion”, “Miss Money”, “iphi iWeave?”, “Sifuna imali yethu!” konke oku kwenzeka engekaveli nakwinkundla yamatyala. Ubomi balo mfundi busebungciphekweni.

Umnatha wonxibelelwano namanye amaphepha ngokubanzi amphoxe ngokusasaza konke okwakhe, nemifanekiso yakhe. Bekumele ukuba simkhusele siyiMedia, simkhusele de sive onke amacala enkundleni yamatyala.