Likhothamile igqala lamanqindi laseMdantsane

Mzoli BOSS MadyakA

Enye yamadoda adlala indiba ebalilekileyo nephambili ekusungulweni kwamanqindi eMdantsane nakwiindawo ezingqongileyo ikhothamile.

Umnumzana uMzoli William Madyaka usweleke ngoMvulo ekhayeni lakhe kwaNU 6, eMdantsane emva kwengulo engathathanga ithuba elide.

Le ndedeba yakwaMadyaka yazibandakanya kumdlalo wamanqindi iselula kwaye igalelo layo kuwo likhulu kakhulu.

Ngeminyaka yoo’1963 wayekhona futhi wanegalelo ngethuba kusungulwa ngokusesikweni amanqindi akudidi oluphezulu eMdantsane.

Kodwa yena waqala ukuzibandakanya namanqindi kwaphaya koo’1950. Ngokwencwadi ebhalwe nguMlulameli Mlamli Leonard Dyani ethi: ‘The Potrait of a winner’, imchaza utat’ uMadyaka njengomakhwekhwetha ovelise uthotho lweembethi manqindi ezagqugqisayo kulo lonke eli lizwe.

Phakathi kweembethi manqindi zokuqala ezikhutshwe nguye nguLawrence Ndzondo, uConnery Dunjwa, uStanley Toni, * -Allister Mahashe, uNkosana Mgxaji, uTsietsi Maretloene, uLoyiso Mtya, uJack Jim, uZola Lawuse, uPrince Tukani, uSelby Saule noMncedisi Mbande.

Akuphelanga apho ngoba baninzi abantu asebenzileyo nabo futhi nangoku sele ekushishini, iliqela imisebenzi ayenze nabantu bamanqindi.

Umsebenzi womfo kaMadyaka ukwazibalule kakhulu kwicala lezoshishino.

Nguye usomashishini wokuqala owayenevenkile yeempahla eHighway eyayibizwa ngokuba yiZola’s Fashion.

Abongikazi, oomabhalane nabanye abantu abaninzi ababesebenzela urhulumente babethenga kuye iimpahla zokunxiba zodidi ngeminyaka yoo’70.

Unyana katat’ uMadyaka ogama linguThobile Madyaka umchaze uyise njengomntu obethanda uxolo kakhulu.

‘Utata wasifundisa ukuzisebenzela sisebancinci. Njengokuba ebengusomashishini, ebesifundisa ke nangalo ushishino. Enye yezinto ebeyigxininisa kukuwugqiba umsebenzi owenzayo futhi eyixabisile imfundo kakhulu. Ebengumntu woxolo, ngamanye amaxesha ebede ophulele kuba engumntu ongayithandiyo into embi,” utshilo uMadyaka.

I’solezwe lixelelwe okokuba umnu. Madyaka uzakubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kwiveki ezayo ngoMgqibelo.

pedro.mapelo@inl.co.za