UMalesela uncoma abadlali abatsha

Umqeqeshi weChippa United uzamkele ngovuyo iziphumo ezifunyenwe liqela lakhe phakathi evekini nangona esithi bekukho iimpazamo ekufuneka zilungiswe ngokukhawuleza.

IiChilli Boys zibethe AmaZulu ngo’2-0 kumdlalo wePSL obuseNelson Mandela Bay Stadium ngoLwesibini. Amagowuli weChippa afakwe ngabadlali abafikayo uMoeketsi Sekola no-Abel Mabaso.

Iqela likaDan Malesela lifumana le mpumelelo emva kokubethwa yi-Orlando Pirates kumdlalo wokuqala kwiveki ephelileyo. Kuthe qabu kwiqela lilonke ekulindeleke okokuba lenze umsebenzi ongcono kunesizini edlulileyo. AmaZulu atyelele eBhayi ukuzithemba kuphezulu emva kokubetha iFree State Stars kumdlalo wokuqala – kodwa ngelishwa lawo adibene neembila zithutha.

“Isiqingatha sokuqala besithembisa – kodwa sona esesibini besingafani. Abadlali bethu bafake amagowuli amahle kakhulu kwaye yinto ebalulekileyo kuthi ukuphumelela ekhaya. Abadlali bethu abatsha bayazama – kodwa emva kwenyanga kungabe kulungile,” utsho uMalesela.

Iziphumo zemidlalo yePSL:

Sundowns 1-2 Polokwane City; Baroka FC 1-1 Pirates