Azikhotha amanxema Amatsatsantsa emva kokubethwa yiDowns!

Themba Zwane of Mamelodi Sundowns gets away from Reneilwe Letsholonyane of Supersport United during the 201/18 Absa Premiership football match between Supersport United and Sundowns at Lucas Moripe Stadium, Pretoria on 19 August 2017 ©Gavin Barker/BackpagePix

Emva kwedabi lamaqela amakhulu ebhola ekhatywayo ePitoli, Amatsatsantsa ashiyeke ezikhoth’amanxeba kwakhona! Ngale njikalanga iSuperSport United ibethwe ngo’2-0 yiMamelodi Sundowns kumdlalo wokuqala we-Absa Premier Soccer League phakathi kwala maqela eLucas Moripe Stadium. Amagowuli amabini weDowns afakwe sisiququ somdlali, uHlompho Kekana, kwisiqingatha sokuqala noThemba Zwane ofake elakhe kwisigaba sesibini. Isantya somdlalo besiphezulu zisuka; ibilindelekileyo lo nto ngoba ngamaqesha abangisanayo kakhulu la ngobunganga ePitoli. Ngethamsanqa layo iMamelodi Sundowns, ekulindeleke okokuba ibe lelinye lamaqela alwela indebe yePSL, ifumene impumelelo yayo kwakhona namhlanje.

Amakhwenkwe kaPitso Mosimane ebewulawula umdlalo nangona ebengadlali umdlalo wawo wesiqhelo – lowa udibeneyo noya phambili ngocwangco – ngoba iSuperSport ibihleli emva futhi igade ithuba enokulisebenzisa. Kumzuzu wamashumi amathathu anesine, uHlompho Kekana ungcangcazelise umnatha emva kokuba yena noogxa bakhe benikelene ngebhola kakuhle kumhlaba kanozinti weSuperSport United. kwisigaba sesibini umdlalo ubungokhusela igowuli kwiDowns logama bekunyanzelekile idlale iSuperSport. UThemba Zwane ubhalise igowuli lesibini leqela lakhe kulo mdlalo kwaba kugqityiwe. Iinguqu ezenziwe ngu-Eric Tinkler kwisigaba sesibini aziwenzanga umahluko kwade kwaphela umdlalo. Kwidabi laseLipopo: iBaroka FC ibambene ngeqanda nePolokwane City kumdlalo wokuqala phakathi kwala maqela kule sizini intsha. AmaZulu abethe ngo’1-0 iFree State Stars kumdlalo obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium ngale njikalanga. Izolo iCape Town City ibethe iBidvest Wits ngo’1-0 kumdlalo wokuqala wePSL obuseBidvest Stadium ebusuku.

SuperSport United: Williams, Kekana, Daniels, Gould, Modiba, Furman, Letsholonyane, Phala, Mnyamane, Brockie, Grobler.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Soumahoro, Madisha, Morena, Langerman, Manyisa, Kekana, Tau, Billiat, T.Zwane, Lebese.