Ababoni ngamehlo, banqwenela imfundo

USibusiso Mdokwe kunye nenkosikazi yakhe uSibusiso Dayimani eTombo eSajonisi

USibusiso Dayimani nomyeni wakhe uSibusiso Mdokwe ababoni ngamehlo, kodwa banqwenela ukuphucula impilo yabo ngokuya esikolweni ukuze bajongane nehlabathi eliguqukayo.

Ethetha neli phephandaba uDayimani uthi abafuni zipho zethutyana kodwa bafuna imfundo yona izakubaxhobisa ukuba bakwazi ukuziphilisa.

“Siyasifumana isibonelelo sikarhulumente, esikufunayo yindlela yokuba sibhalise esikolweni sifunde sifumane ulwazi nezakhono siphile siphilise nomntwana wethu, asiboni ngamehlo kodwa ingqondo sinayo njengomntu wonke,” uthethe watsho uDayimani.

Uhambisa athi abafuni kusizelwa koko bazimisele ukwenza amanyathelo okuzimela ngokuzisebenzela bexhobe ngesikolo ngokunjalo.

“Ngenxa yokukhula kabuhlungu andikwazanga kufunda kuba bendisokola kwasekhayeni endikhulele kulo, kodwa umyeni wam yena unaso noko esincinane isikolo,” uthethe oko uDayimani.

Esi sibini sihlala kwindlu yemboleko eTombo eSajonisi kodwa sinqwenela ukunikwa ithuba lokufunda ukuze siguqule imeko yentlalo.

“Kukho isikolo ekuthwa yiKonwaba esiseNgqushwa esinokusinceda ukuba siphucule ulwazi lwethu, kodwa le mali yenkamnkam siyamnkelayo ayikwazi kusinceda kuba incinane,” utsho uDayimani.

Uthi unolwazi lokuba kukho izifundo zekhompyutha ezenziwa leli ziko kuquka nendlela yokufunda okubhaliweyo elungiselelwe abantu abangaboniyo, banqwenela ukufunda zonke ezo zinto.

“Uninzi lukhala ngemisebenzi nezinye thina sifuna nje ukuba sikwazi ukufunda nokubhala ezinye izakhono siyakuziqhuba kuzo silufumene uncedo lokuqala,” uthethe watsho Dayimani.

Uthi kutshanje bafake isicelo sendlu kwisebe elijongene nokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni kwaye balinde impendulo.

Imeko yesi sibini idizwe ngumbutho ojongene neengxaki zabahlali kwiidolophu ezahlukeneyo eMpuma Koloni ozibiza Umanyano Lwabaphulaphuli Initiative.

Usihlalo walo mbutho uModi Maqabaza uthi bachukunyiswe yimeko yentlalo yeli khaya bazibona bengenakuthula nje.

“Indawo yokuhlala iseyenye ingxaki kolu sapho, siyacela kwabesebe lokuhlaliswa koluntu ukuba benze ngokukhawuleza, isidima somntu asinakubakho ehlala endaweni yomnye umntu,” uthethe watsho uMaqabaza, esithi ucela amaqumrhu karhulumente angenelele kwimeko yesi sibini.

UMzantsi Afrika unamaziko afana neJohannesburg Society for the Blind eyasungulwa ngonyaka ka1926 ngenjongo zokunceda abo bathi benzakala baza ababona ngenxa yemfazwe yokuqala yehlabathi.