Iteletele inyhasha ilungelo loomama

Igosa lesebe lophuhliso lwamaphandle eAmathole uThembinkosi Boko, uSodolophu waseAmathole uNomfusi Nxawe, uMphathiswa uMlibo Qoboshiyane, uSebonelo Gumbo omele iVili Loboya kwaneNkulumbuso uPhumulo Masualle kumsitho wokuwonga amafama angamakhosikazi eMonti

ISEBE loPhuhliso lwaMaphandle kwakunye nezoLimo eMpuma Koloni likholelwa ukuba intatho-nxaxheba yoomama kwezolimo iyakuthi xhaxhe xa izixhobo zobuchwepheshe bezolimo zisenziwa ngokuqwalasela iimfuno zoomama.

Intloko yeli sebe, uLumkile Ngada, udize ukuba itele-tele (tractor) sesinye sezixhobo zokulima esingavumeli intatho-nxaxheba ethe xhaxhe yoomama.

“Andithi xa uzakuqhuba itele-tele kufuneka ulakatyule utsibise umlenze ngaphaya. Lo nto ithetha ukuthini ke ngenkcubeko yoomama. Omnye angangayiboni kakuhle le nto, kodwa yenye yezinto ezibangela ukuba bangabikho okanye babembalwa oomama abaqhuba itele-tele.

“Izithethe zeelali eziliqela, zinyhashela phantsi ilungelo loomama lokuqhuba itele-tele. Eyona nto ixhalabisayo kukuba izixhobo zolimo zenziwa ngootata, nto leyo eyenza ukuba zingaqwalaseli iimfuno zamakhosikazi. Lifikile ixesha apho kufuneka kwenziwe izixhobo zolimo ezingengomqobo kwiimfuno zoomama,” utshilo uNgada.

UNgada ukuvakalise oku ngethuba yena noMphathiswa wesebe, uMlibo Qoboshiyane, bebethetha noonondaba kumsitho wokuwonga amakhosikazi akwicandelo lezolimo obubanjelwe e-ICC eMonti kwiveki ephelileyo.

UQoboshiyane uthi iinjongo zala mawonga kukukhuthaza intatho-nxaxheba ethe xhaxhe yamakhosikazi kwezolimo.

“Sinenkqubo eziliqela zokuxhasa amakhosikazi anomdla kwezolimo. Sikwenza oko kuba siyazi ukuba xa amakhosikazi eliqela kwezolimo, imeko yentlalo kwiilali zethu izakuba ngcono kunakuqala.

“Inkxalabo yam kukuba ndifuna ukubona amakhosikazi, engakumbi lawo aselula, ethabatha inxaxheba kwimiba yezolimo. Xa kungenzeka lo nto, izinga lentswelo-ngqesho lingehla,” utshilo uQoboshiyane.

Kulo msitho iqela lenkampani yaseBika eGcuwa, Ivili Loboya, lifumene elona wonga liphezulu emva kokuwongwa njengeentshatsheli zephondo.

Ivili Loboya, indibanisela eyenza uthotho lweemveliso ezenziwe ngoboya bebhokhwe negusha ezintle kunene ezifana neempahla zokunxiba nezokuhombisa ngokohlukana kwazo, iqashe abantu abangaphaya kwamashumi amabini kwaye ithenga uboya, obukwaquka nobegusha, kumafama asakhasayo ale ngingqi angaphaya kwamakhulu amathathu.

Ivili Loboya, likhokelwa nguGqirha Vuyo Mahlati, ongumama. Amanye amawonga alo msitho lelo lomvelisi wasezilalini elifunyenwe lusapho lakwaDiko eAmathole, kubavelisi abangamafama asakhasayo kuphumelele ifama iAbambo Farm yase-OR Tambo, kubavelisi abangoomathenga-thengisa kuphumelele ifama i-Uitkomst yaseSarah Baartman, ze oyena mfama wasetyhini ogqwesileyo yanguZona Nzimande wase-Alfred Nzo.