Booysen: Kufuneka siqubisane nawo ngqo umceli-mngeni

Gv of South Africa players during South Africa Training on the 09 August 2017 at Marks Park © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Ukapteni weBafana Bafana, uMario Booysen, uthi nokuba iingxaki zinjani – kodwa wona umsebenzi wesizwe kufuneka wenziwe. Iqela lesizwe liseMonti – apho kulindeleke liqubisane ngqo nelizwe laseZambia kumdlalo wokuhlakulela iCHAN ngo’15:00 eBuffalo City Stadium namhlanje. Ngumdlalo obalulekileyo lo kakhulu kubantu baseMpuma Koloni ngokubanzi ekungakuhle ukuba iBafana Bafana ingawuphumelela emva kokuba ingazange iphumelele ngethuba idlala umdlalo wobuhlobo nelizwe lase-Angola kwiinyanga zokuqala zalo nyaka. Umqeqeshi weBafana Bafana, uStuart Baxter, uya kulo mdlalo wanamhlanje engonwabanga ncam emva kokurhoxiswa kwabadlali abaphaya kwishumi ngamaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League kuba elungiselela isizini eqela kwiveki ezayo.

Ngethuba ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki, uBaxter ukhale ngabadlali angabaziyo azakusebenza nabo – kodwa waqinisekisa okokuba namhlanje (uMgqibelo) uzakube enalo iqela elizakuqala umdlalo aqinisekileyo ngalo. Nangona kuye kwakho iziphazamiso ezinjalo – kodwa yena uBooysen unalo ithemba futhi uthi abadlali bazakuwenza umsebenzi wesizwe. “Uqeqesho luhambe kakuhle ukuzothi ga ngoku. Ndingatsho okokuba siwulungele umdlalo nangona kukho abadlali abatsha. Ukurhoxa kwabadlali ayonto endiyifaka entloko kakhulu. Ekugqibeleni yibhola le, kubalulekile ukuziqhelanisa neemeko ozibhaqa ukuyo. Umceli-mngeni kufuneka siqubisane nawo ngqo,” utshilo uBooysen.

Ukuxhoxa kwabadlali kuphazamise kakhulu inkqubo kaBaxter ozimisele ukunika abadlali abatsha ithuba lokudlalela iqela lesizwe kwixesha elizayo. “Yona le nto yabadlali abangezanga enkampini iphazamisile – kodwa abadlali abakhoyo kubanakala ngathi ngamadoda anamava noko. Bonke abadlali bazimisele emsebenzini wabo. Sonke sinoxanduva kwaye wonke umdlali unomnqweno wokumela ilizwe lakhe ngenye imini. Sizithembile ngenxa yabantu baseMonti abasamkele kakuhle,” utshilo uBooysen.