Abawuvali umlomo ngendibano noqeqesho lukaBaby Zee!

UZintle 'Baby Zee' Mbusi emva kwendibano nabasasazi bezikhululo zasekuhlaleni izolo eMthatha.

Abasasazi boonomathotholo
basekuhlaleni (Cummunity Radios) nabanye abanomnqweno wokungena kwezosasazo
babuye befunde lukhulu, benethemba ebomini futhi behlaziyekile emimoyeni yabo emva
kwendibano yoqeqesho ebikhwetywe nguZintle Mbusi. Abantu abaphaya kumashumi
amathathu badibenele eLe Pearl Boutique Hotel, eMthatha – apho bekusabelwana
khona ngeendlela abanokuthi baphucule ngayo indlela yokusebenza kunomathotholo.
Le yinto eyathi chapha entliziyweni kaZintle ‘Baby Zee’ Mbusi kwiminyaka
eyadlulayo – kodwa uthe xa eyenza kulo nyaka wathi makakhwebe nabanye abasasazi
abaphambili eMpuma Koloni ukuze bamncedise ekufundiseni abantu indlela (eyiyo) yokusasaza
nokufunda iindaba. Phakathi kwabasasazi abathe benza lo msebenzi ubaluleke
kangaka nguBukiwe Zide (umfundi weendaba kwi-UWFM), uZimkhitha Manqinana
(intatheli yeSABC), uSterra Ngqezana (kwi-UWFM) noThando Mdutyana (tru FM).

 Pedro Mapelo's photo.

Zimbalwa kakhulu
eMpuma Koloni izikhululo zosasazo zasekuhlaleni ezilawulwa ngendlela eyiyo, lo
nto ithi ichaphazele kakubi indlela ezisebenza ngayo. Zonke ezo zinto zithi zivimbe
abasasazi uqeqesho olusemgangathweni ophezulu – owona msebenzi ubalulekile wezi
zikhululo. Yiyo lo nto uZintle Mbusi ebone kufanelekile ukuba makangenelele
ukuze kubenokuphucuka komsebenzi onikwa abantu. Iihambo nzima zabasasazi (bezi
zikhululo) uyazazi uZee ngoba phambi kokuya kuMhlobo Wenene FM waqala
ngokusebenza kwizikhululo zosasazo ezifana ne-UCR FM neKhanya FM.  Uvuyo belubhalwe ebusweni kubasasazi abathe bayinxalenye
yale ndibano – kodwa eyona nto eye yaqaqamba kukulangazelela izinto nolwazi
abalunikiweyo futhi bazibone izinto abazinikiweyo njengezinto ezinokubakhulisa
kusasazo.

UZide
uxelele abafundi beendaba ngokubaluleka kolwimi, indlela yokubhala nokuhlwelwa kweendaba.
Bobabini uZide noManqinana bagxininise ukubizwa kwamagama wabantu neendawo
ngendlela efanelekileyo. Kubekho novavanyo olukhatshwe zizilungiso. Yena uSterra
ugxile kwizinto ezifanele ukwenziwa ngumntu ongumsasazi namathuba anokuthi
avele kumntu ongumsasazi wezemidlalo. USterra uxelele abantu ukuba mabangatshintshi
xa besemoyeni, bazenze izinto abangezizo emoyeni – kodwa watsho ebakhuthaza
ukuba bazame ukumelana neemeko xa kukho izinto ezintsha. UMdutyana ugxile
kwicandelo lokudidiyela iinkqubo zikanomathotholo, indlela yokuziphatha emoyeni
nokusebenzisana nabantu emsebenzini.

I’solezwe
lesiXhosa beliyinxalenye yale ndibano ibalulekileyo kwaye lincokole nabantu
abathile abathe bazuza kule ndibano ebiyeyokuqala kweli phondo. “Bezindeze apha
ndinenjongo yokufuna ulwazi ngendlela amajelo eendaba asebenza ngayo. Into
endiyifundileyo kukuba kukho iimpawu ekufuneka ubenazo xa ungumsasazi futhi
ndafumana nokuba kufuneka uziphathe njani. Andinguye umsasazi – kodwa ndinaloo
minqweno yokuba ngumsasazi,” utshilo uPatrick Govuza waseChris Hani.

Pedro Mapelo's photo.

UNtobeko
Nkume, owenza inkqubo yasekuseni kwiZwilethemba FM, ubuye engawuvali umlomo
futhi ezimisele ukuqhubela phambili nosasazo. “Kule minyaka ilishumi
ndingumsasazi bendicinga ndenza ngokwaneleyo – kodwa ngokuba yinxalenye yolu
qeqesho, ndifunde lukhulu ngakumbi kwicala lokuqulunqa iinkqubo, ukubaluleka
kwexesha nezinye izinto. Umba wokuyazi eyona nkqubo ikufaneleyo (ungumsasazi) nohlobo
osasaza ngalo zezinye zezinto esizifundileyo. Ndifuna ukumbulela uZintle ngalo
mbono wakhe.

Kanti yena
uSolomi Thompson uthethe wenjenje: “Ndifumanise ukuba ibaluleke kakhulu le nto
besize kuyo singabasasazi. Ngoku ingase olu qeqesho singalufumana kummandla
waseMonti. Izinto ezibalulweyo zezi sizaziyo, qha ngenxa yesiqhelo; siye
singazikhathaleli thina. Kube mnandi nokuva izinto ezintsha ziphuma ebantwini
abazaziyo.”

UBukiwe Zide
wayekhe wadibana neengxaki (ngaphambili) abajamelana nazo abasasazi bezi zikhululo
ezincinci kwaye uzimisele ukubenceda nokubaxhasa kangangoko. “Ndiyivuyele
kakhulu into eyenzekileyo apha namhlanje. Khange ndibalindele abantu abangaka,
kuyabonakala ukuba bayafuna ukufunda ngosasazo. Ndibabonile nakula msebenzi
bendibanike wona, bayakufuna ukuba kunomathotholo. Alukho uqeqesho abalufumanayo;
ibalulekile kakhulu le nto yenziwe nguZintle. Abantu bazakuncedeka, ingase
yenzelwe eholweni kwilixa elizayo. Ndifuna ukuba ncoma nokuba khuthaza;
ukusebenza ngaphandle komvuzo akuyonto ilula. Ndiyababulela ngokusixhasa kwabo,”
utshilo uZide izolo eMthatha.

 Pedro Mapelo's photo.

Yena uZintle
Mbusi uthe: “Namhlanje besilapha kuba sifuna ukufundisa nokuxhasa sibonisa abasasazi
abakwezi zikhululo zincinci – kodwa nabo basengaphandle. Abantu bebephumile.
Injongo yethu kukuqhubela phambili, sibonile ukuba abantu bayayifuna le nto. Kwixesha
elizayo izakube inkulu futhi izakuya nakwezinye iindawo. Umdla oboniswe
ngabantu yeyona nto indikhuthazileyo. Into ebangele ndenze le nto kukusilela
kwabasasazi kwezona zinto ezibalulekileyo kusasazo. Ndazibuza umbuzo ngenye
imini othi: Xa ndinokufa ndishiya kunje kodwa ndisakwazi ukulungisa, ndingaziva
njani na? Ndithe xa ndisenawo amandla mandiphakame ndilungise apho ndifikelela
khona.”

Ezinye
zezinto uZintle aziphawuleyo ebasasazini yimibuliso ethatha ixesha elide, ukuhewula
emoyeni, ukufunda iindaba ezindala nokukhuphisana nabasasazi abangasentla
kunabo.