URulani Mokwena lisekela mqeqeshi kwiPirates

Namhlanje i-Orlando Pirates ibhengeze uRulani Mokwena njengesekela-mqeqeshi likaMilutin Sredojevic. Oku kulandela ukuqeshwa komqeqeshi omtsha yiPirates kwiveki ephelileyo. Iinguqu ezenzekayo kwiBucs zenzeka emva kokuba uKjell Jonevret egqibe kwelokuba alahle njengomqeqeshi kwakwiveki ephelileyo.

UMokwena ugaleleka kwiBucs emva kokwenza umsebenzi oncomekayo njengesekela mqeqeshi kwiMamelodi Sundowns. Kwiveki ephelileyo usihlalo weBucs, ugqirha Irvin Khoza, wothuse umzi ngethuba exelela iintatheli eGoli okokuba ukapteni u-Oupa Manyisa uzakudlalela iDowns kwisizini entsha. Kwangalo mini, uKhoza wathi (beyiPirates) bathetha-thethana neDowns ngabadlali abanokuthi babafumane kuyo. Akukacaci ke ngoku nokuba uMokwena akayonxalenye na yolo tshintshiselwano.

Ukuhamba kukaRulani kungabothusa abantu abaninzi ngoba ebesebenza kakuhle kakhulu noPitso Mosimane noManqoba Mngqithi. “Ndibulela umongameli weMamelodi Sundowns, umnu. Patrice Motsepe, ngokundinika ithuba nangokwamkela isigqibo sam sokuza kwiPirates,” utshilo uMokwena.

Yena umqeqeshi wePirates, uSredojevis uthe: “Ukuza kukaRulani apha kwiBucs kwenziwe ngendlela efanelekileyo. Ndonelisekile kwaye ndiyamamkela.”