Igwetyiwe ingcibi eyabulala umkhwetha ifuna iR100

INKUNDLA yengingqi yaseMthatha ikholelwa ukuba ukugwetywa konomgogwana wengcibi ebisolusa amakhwenkwe ngokungekho semthethweni, kuza kuthumela ilizwi nakwabanye ukuba bazikhwebule kulo mkhwa.

Kutshanje le nkundla, igwebe uAvuyile Mfitshi (25) iminyaka elishumi elinesixhenxe entolongweni kulandela ukufunyanwa enamatyala aluthotho ngethuba ezenza ingcibi eyolusa amakhwenkwe eNgqeleni.

La matyala aquka elokubulala, elokonzakalisa kwanelokutyeshela umthetho waseMpuma olawula ulwaluko.

Ingxelo ethiwe thaca enkundleni idize ukuba uMfitshi, waseQhokama eNgqeleni, wolusa amakhwenkwe amahlanu kubusika bango-2015 ze wathembisa ngelithi uzakuwahlawulisa ikhulu leerandi (R100) xa sele ephumile ebukhwetheni.

Kodwa kuvakala ukuba uMfitshi wasijikela isigqibo sakhe, waya ngqo kula makhwenkwe efuna iR100 yakhe ngethuba esazihlelele ebakhwetheni.

“Xa abakhwetha besithi abanayo imali, uMfitshi ekunye noobhululu bakhe ababini bababetha kanobom aba bakhwetha kangangokuba kwanyanzeleka ukuba basiwe esibhedlele. Omnye wabakhwetha, uAmahle Mhlekude (17), wabhubhela esibhedlele,” utshilo uLuxolo Tyali, isithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA).

Ngethuba ebona ukuba uzakuwelwa lityala, uMfitshi ebebanga ngelithi wayesele utywala ngethuba ebetha aba bakhwetha kodwa inkundla ibone kufanelekile ukuba imgwebe.

Icala lebali labafana ababini abancedisa uMfitshi ngethuba ehlasela ababakhwetha lakumanyelwa kweyeNkanga kulo nyaka.