Izakucebisa abafundi ngamakhondo iWSU

UKUBA awukagqibi ngelona khondo ofuna ukulifundela xa sele uphumelele uGrade 12, tyelela iYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) ngoLwesithathu, umhla weshumi elinesithandathu kule nyanga, apho le yunivesithi izakube isabelana nabafundi malunga nothotho lwamacandelo okufunda afumaneka kuyo.

Ngokwale yunivesithi, olu suku luza kunika ithuba abafundi ukuba bazivele ngokunokwabo iinkqubo namacandelo afundiswa eWSU.

Bonke abasebenzi baseWSU kwiikhampasi ezine (eMonti, eMthatha, Gcuwa nakuKomani) bazakube bekhona ngoLwesithathu belindele ukucebisa nokusabela kwimibuzo yabafundi nootitshala abafuna ukuqonda malunga neenkqubo ezifundiswa kweli ziko-mfundo.

Abo bafuna ukuqonda banzi, bangathumela i-imeyili kuThando Cezula ku: tcezula@wsu.ac.za