Kwenzeke esinye isihelegu eWalter Sisulu University

Kwehle esinye isihelegu eWalter Sisulu University namhlanje

Emva kwamatyeli abalekayo eli ziko lemfundo libangundaba mlonyeni ngokubulawa kwabafundi kunye neentsana zingekazalwa kuphinde kwavakala esinye esathusayo isihelegu kwakhona. IZamukulungisa Delivery Site ekumhlaba waseMthatha nesayokwaziwa njengeTranskei College phambi komnyaka ka-2005, yenye yamaziko amathathu eWalter Sisulu University akule dolophu nalapho kuthe kwafunyanwa usana oluswelekileyo kwigumbi lomnye wabafundi.Pedro Mapelo's photo.

Oku kwenzeke ngentseni yangoLwesihlanu kwindawo yokuhlala engaphakathi kwamasango esikolo uBlock-L nalapho kuhlala amanina kuphela. Umfundi osuka kwilali yaseZikhumba, eBizana, uvuke ngentsimbi yesine ekuseni waya kwigumbi langasese apho athe  ebeyokuchama waze wabona kusithi qithi usana kumzimba wakhe ongezantsi lusiwela phantsi ngesikhulu isijwili. Wongeze ngelithi, uthe esekuloo mothuko wabone usana seluthe cwaka kubonakala ukuba alusaphefumli, waze wathatha ingxowa waluqhusheka ngaphantsi kwempahla yakhe elufake kuyo walubeka kule ndlu yakhe kwade kwabetha intsimbi yesithandathu.

Ingxelo esuka kwintloko yezokhuseleko uMluleki Mthakathi idiza ukuba lo mfundi unikeze ngengxelo erhuqisa umrhaji ngesi sehlo ngengoko ethe ebeneenjongo zokululeqisa esibhedlele ngethuba elufaka engxoweni olu sana. Uphefumle ngelithi, “Sibizwe ngabalingani bakhe abahlala kwesi sakhiwo thina besithi ukhona umonakalo, ngenxa yokuva isikhalo sosana siphuma kwigumbi langasese. Ekufikeni kwethu sidibene nomfundi eme emnyango exwaye ibhegi emnyama, sambuza ngeenjongo zokuqonda ngesiqulatho sayo.”

Pedro Mapelo's photo.

Lo mfundi nowenza unyaka wesibini kwizifundo zeHuman Resource, ebeneenyanga ezisibhozo ekhulelwe, kuphinde kwavela ukuba unaye omnye unyana osele ekulile osekhayeni. Amapolisa amthathe u-Oluhle amsa esibhedlele ukuze afumane ukuhoywa.