Malube semthethweni ulwimi lesiMpondo

IKumkani yesizwe samaMpondo aseNyandeni uNdamase Ndamase uthi ulwimi lesiMpondo malunikwe isidima sokuba lulwimi olusemthethweni nje ngezinye iilwimi.

Oku kusemva kokuba ikomiti ejongene nokuqwalaselwa kwakho komgaqo-siseko (Constitutional Review Committee of Parliament) ikhuphe isiphakamiso sokuba olu lwimi lusemthethweni.

Ethetha neli phephandaba ngalo mcimbi uNdamase Ndamase uthe:

“Siyasihlonipha isigqibo sokuba olulwimi lwezandla (isijekulo) lube luzakunikwa eliwonga, lulwimi nalo, ngabantu aba balithethayo, kodwa kutheni isiMpondo singenakunikwa eligunya lokuba lulwimi elisemthethweni,”ucacise watsho uNdamase.

Uthi isizwe samaMpondo sisizwe esizimeleyo ngazo zonke indlela kungoko ememelela ukuba sisifumane naso isidima esilolu hlobo.

“Sizimele kuba sineeKumkani zethu, sineeNkosi zethu, sinamasiko nezithethe zethu ezisenza ukuba sibengumahluko,” utshilo uNdamase Ndamase.

Ulwimi lesiMpondo lelinye kwilwimi zeli ezathi zabulawa ngokugqunyelelwa kwizilwimi ezifana nesiXhosa nesiNgesi ngenxa yenkqubo nefuthe lengcinezelo. Ulwimi lesiBhaca nesiHlubi zezinye zezo lwimi ezathi zenzakala zilahlelwa ngaphandle komthetho zinkqubo zabacinezeli.

“Naninzi amaqela wabantu besizwe samaMpondo abazame ukunyanzela urhulumente ukuba anike ulwimi lethu igunya lokuba ibelulwimi olusemthethweni, kodwa kunzima alunikwa mbeko ulwimi lethu,” ugadlele watsho uNdamase Ndamase.

IConstitutional Review Committee of Parliament idize ukuba izakwenza iinguqu ezithile kwisolotya lesithandathu nelesihlanu kumgaqo siseko ukuze kwenzeke lula ukuba ulwimi lezandla lubesemthethweni.

Uyisemkhulu wale Kumkani uVictor Poto Ndamase ngomnye wababhali ababhale incwadi ecacisa ukuzimela nobunganga besisizwe “Imbali nentlalo yamaMpondo”.

Ibhodi ejongene nokukhusela ilwimi zoMzantsi Afrika iPANSALB ilincomile eligalelo ngelithi linyathelo elihle. UNkosi Vuyani Sigcau waseMthatha okwaliMpondo naye uyangqina ukuba ikho imfuneko yoku.

“Olu lwimi labulawa ngamakholoniyali sanyanzelwa ukuba sithethe isiXhosa, ingantle into yokuba nathi sinikwe ithuba lokuba sinikwe imbeko isiMpondo, kodwa kufuneka kwenziwe uphando olubanzi kuqala phambi kokuba kwenziwe oko,”utsho uSigcau.

Othethe egameni lePANSALB kuzwelonke uSibuso Nkosi uthi ulwimi lezandla lulwimi ebesele libekelwe bucala ukuba lukhuselwe.

“AmaMpondo nawo angaqalisa ngokulandela imiqathango equka ukwenziwa kophando ukuze kamva bafake isicelo sabo esinyanzelisa ukuba ulwimi labo lubesemthethweni,” uthethe watsho uNkosi.

Wenze umzekelo ngolwimi labeTswana esithi esasizwe sikwinkqubo yokucela inguqu kulwimi.

“Abantu besizwe sabeTswana bacela ukuba ulwimi labo libizwe ngokuba SeSotho saLeboa kungathwa seseTswana, esosicelo sisaphethwe yila komiti, nawo ke amaMpondo mawenze njalo ukuze ancedakale,”utsho uNkosi.