Uthi umntwana ekhubazekile nje sisibhedlele iDora Nginza

Inkosikazi enamashumi amathathu anesithandathu yaseBhayi ikhalela ukungahoywa sisibhedlele iDora Nginza kwesi sixeko emva kokuba waqaphela umntwana wakhe ukuba wawiswa phantsi sisibhedlele ngethuba ebeleka ze umntwana waphazamiseka engqondweni.

UNtombozuko Hans ebalisa ibali lomntwana wakhe oyintombi, osele eneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubudala, uthi oomongikazi ababembelekisa ngonyaka ka2003 bamwisa phantsi umntwana wakhe kodwa abatsho kuye ukuba wonzakele.

UHans uthi, intwazana yakhe uyiqaphele xa ineminyaka elithoba ukuba inako ukuphazamiseka ngokwasengqondweni.

Uthi oku wakuqaphela ngokuba aphume inkwethu eninzi entloko kwaye unaso nesigulo sokuxhuzula. Uthi wathi naxa emcheba intloko wabona amanxeba.

“Ndiqale ukufuna amagqwetha ngo2012 ukuba andilwele kwingxaki endinayo.

“Kodwa ndithetha nje sele andishiya enyanyeni kwa amagqwetha lawo awasandixeleli ukuba kwenzeka ntoni kwaye ityala lindawoni ngoku. Kuthe cwaka awasabhali neleta. Andisawatsaleli kuba imali andinayo, andiphangeli ndigqibele ukuthetha nawo ngeyeThupha kunyaka ophelileyo,” utshilo uHans.

Uthi abantu ababenengxaki efana neyakhe sele balungiseleleka kwesi sibhedlele njengoko baphunyelwa ziimali.

UHans uthi eyona nto imkhathazayo kukuba isibhedlele iDora Nginza sasi sele simxelele ukuba uzakufumana malini ngomonakalo. Kodwa amagqwetha ngoku athe cwaka.

Uthi amnika ithemba elikhulu xa ayemane efuna iimpepha ezithile kuye.

Kwinombolo yomnxeba kwi-ofisi yegqwetha elalinceda uHans ayikhange iphumele. UHans ubanga ngelithi wayencedwa nguKaren de Jager.

UMntwana kaHans uhleli ekhayeni akafundi. Ukwabongoza uluntu ukuba luncede nangantoni olunokuthi lumncede ngayo.