Abanjiwe amadoda amathathu abulele umama

Kubanjwe amadoda amathathu aphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ubudala ukuya kwishumi elinesibhozo (18) kuGatyana; arhanelwa ngokubulala umama onamashumi amahlanu anesibini (52) ubudala.

Ngokwengxelo yamapolisa alammandla umzimba wexhoba ubhaqwe izolo emva kwemini ngethuba indoda ethile ibiqokelela imfuyo kwihlathi elikufutshane nedolophu yakuGatyana.
 
Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi ixhoba liyaziwa nangona nje lingazokuchazwa ngegama kuba izihlobo zingekachazelwa zonke. Ixhoba eli belihlala kumatyotyombe akuGatyana.

UManatha uthi kubonakala ukuba ukrwitshiwe, kuba engenamanxeba emzimbeni.
 
Kuphando lamapolisa kuye kwabanjwa esisithathu. Unobangela wokubulawa kwexhoba eli awaziwa. 

Abarhanelwa bayavela kusasa ngomso, umhla wokuqala kweyeKhala, kwiinkundla zamatyala kuGatyana.