Ababethelwa nangu do oosaziwayo abathandana besini sinye

UThishiwe Ziqubu noMandisa Nduna bethandana kumabonakude

Litshone elayizolo kusisankxwe kumakhasi onxibelelwano, nalapho abantu bebevakalisa ukothuswa yimifanekiso etshisayo yeentombi ezingoosaziwayo nezithandana shushu.

UThisiwe Ziqubu owaduma kakhulu kumdlalo kamabonakude i-Its Complicated enguNtando, nakwiNamba Namba, uthe abo babagxekayo nesithandwa sakhe uMandisa Nduna naye ongumdlali kamabonakude, basazodinwa ngoba bazoqhubeka nokuveza indlela abathandana ngayo.

“Bazodinwa kukuthetha ngoba ngeke siyeke ukubonisa ngendlela esithandana ngayo. Sivelana nabagxeka ubudlelwane bethu. Babonisa ukungaqondi ukuba uthando luthando, nokuba luphakathi kukabani na,” utshilo uThisiwe.

Le nzwakazi nethi xa isithi gqi kuthambe amadolo emadodeni inomntwana oyintombazana noneminyaka elithoba (9). Uthi umntwana wakhe uyazi ngothando lwakhe, kwaye uyayiqonda ukuba kwenzeka ntoni ebomini babo, “bavana kakhulu noMandisa!”

Malunga nobomi bakhe bokuthandana nabesini esinye naye, uThisiwe uthe ubuvuyela kakhulu obu bomi. Ukanti uyakuvuyela nokuba akoyiki ukuba abantu bayazi.

“Nosapho lwam lwazi kakuhle ngobomi bam, kwaye aluzange lundithwalise kanzima.”

Uthe uvele ukhule kubonakala ukuba ungumntu ozithandela abesini esifanayo nesakho.

“Ndisakhula kwakuvele kwabonakala, kodwa andizange ndibaxelele ukuba ndiyintoni. Kodwa okwenza ubomi bam balula kakhulu kukuba usapho lwam alukho lukhulu.”

Isithandwa sikaThisiwe, uMandisa yena uthe abantu abanengxaki nobudlelwane bakhe noThisiwe yinto nje abangayihoyanga kuba abatsho nto kubo, koko babhala kumakhasi onxibelelwano.

“Njengokuba kungekho mntu okhe wathetha ngobudlelwane bethu kum, andikhathali kuba into ebalulekileyo yeyokuba siyathandana thina,”utshilo uMandisa.

Aba bathandanayo bebefake imifanekiso yabo besondelelene, kweminye imifanekiso bencamisana kucaca ukuba uthando luvutha bhe.

Abantu ebebevakalisa ukuphoxeka kakhulu kuTwitter naku-Instagram ibingamadoda athi athanda uThisiwe.

Bebekubeka kucace ukuba uyinzwakazi enomtsalane nevuzisa amathe.

“Ukuba nomntwana kukaThisiwe akusiyiyo ingxaki, ngoba umntwana uyandithanda futhi nam ndiyamthanda,” utshilo uMandisa.

Aba badlali bakamabonakude basebenza ndawonye bathe ukuthandana kwabo ngeke kube negalelo elibi kubudlelwane babo, kodwa buzokhula kwaye buqine kakhulu kunakuqala.

“Sihlala kunye, kwaye kunezinto ezisidibanisayo sobabini, lo nto andiyiboni izakukuba yingxaki ebudlelwaneni bethu ngokomsebenzi nabucala. Okubalulekileyo sizokwazi ukuncedana ngeendlela zonke xa kukhona apho sijongana neengxaki khona,” utshilo uMandisa.