Ulahlile umqeqeshi we-Orlando Pirates

Iindaba eziphuma eGoli zithi umqeqeshi we-Orlando Pirates ulahlile namhlanje. UKjell Jonevret ulinikela umva eli qela emva kokuhlala kulo iinyanga ezintlanu qha. Le ndedeba yaseSweeden yangena endaweni kaMuhsin Ertugral owanikezela emva kokubethwa kweBucs ngo’6-1 yiSuperSport United kunyaka ophelileyo.

Umnumzana uJonevret ubulele kusihlalo we-Orlando Pirates, ugqirha Irvin Khoza, iqela nabalandeli bonke ngokumnika ithuba lokuqeqesha. “Ndithanda ukuthatha eli thuba ndibulele ithuba endilinikwe liqela. Ngelishwa izinto azihambanga ngokwezicwangciso,” utshilo uJonevret.

“Simnqwenelela okuhle kodwa uKjell,” utshilo uKhoza kwingxelo ekhutshwe yiPirates namhlanje.

UJonevret akakwazanga ukuyihlangula iPirates kwisizini egqithileyo ephele ikwindawo yeshumi elinanye. Zange iPirates yavala isizini ngaphandle kweTop 8 ukusukela mhla kwasungulwa iPSL ngo’96. kucingeleka ukuba indawo yakhe izakuvalwa nguMilutin ‘Micho’ Sredojevic owake wangumqeqeshi kwiPirates ngo’2006.