Amakhosi ayikhusele iCarling Black Label Cup

Bernard Parker of Kaizer Chiefs celebrates goal with teammates during 2017 Carling Black Label Champion Cup match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at FNB Stadium, Johannesburg South Africa on 29 July 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Igowuli elifakwe nguBernad Parker kwisigaba sokuqala lilo elincede iKaizer Chiefs. Amakhosi abethe i-Orlando Pirates ngo’1-0 kumdlalo weCarling Black Label Cup obunika umdla kakhulu eFNB Stadium namhlanje. Impumelelo yeChiefs ithetha ukuthi iyiphumelele izihlandlo ezibini zilandelelana le ndebe. Umdlalo ubukwizinga eliphezulu kakhulu. Isigaba sokuqala silawulwe yiChiefs sonke – kodwa kwesesibini ikwazile ukudlala umdlalo ophucukileyo iPirates nangona ingakwazanga ukuwasebenzisa amathuba ewafumeneyo kulo mdlalo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChiefs inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye. Elo gowuli lifakwe kumzuzu wethoba umdlalo uqalile nguBernard Parker. Ubuxhomile umgangatho womdlalo zisuka nje – kodwa yiChiefs ebinamandla. Nangona kukhawuleze konakala kwiPirates – kodwa yifolosi yayo, uTendai Ndoro, ongakwazanga ukusebenzisa ithuba elihle phambi kuka-Itumeleng Khune kumzuzu wesithathu kulo mdlalo. Emva koko Amakhosi, elawulwa nguGeorge Maluleka noHendrick Ekstein esazulwini sebala, aquqe ebuyelela exela izulu laseMthatha kumhlaba weBucs.

Pedro Mapelo's photo.

Patrick Phungwayo of Orlando Pirates challenged by Gustavo Paez of Kaizer Chiefs during 2017 Carling Black Label Champion Cup match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at FNB Stadium, Johannesburg South Africa on 29 July 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Kuye kwanyanzeleka uSiyabonga Mpontshane anqande amanzi engenza endlini izihlandlo eziliqela ngenxa kaHappy Jele no-Ayanda Gcaba abadlale umdlalo ongadibaniyo. Phakathi kwesi sigaba sokuqala ikhe yathembisa iPirates emva kokuba iLuvuyo Memela, uMpho Makola no-Oupa Manyisa bedlalise uThamsanqa Gabuza kakuhle – kodwa oye woyiswa kukukhaba ibhola kakuhle ephambi kukaKhune. Ukuba iChiefs ibiwasebenzisile amathuba wayo, bekufanele ilifumene igowuli lesibini. Ibhola yentloko kaParker, obenikwa iibhola ezintle kakhulu nguGustavo Paez ongamameliyo, ichithwe ngunozinti, logama ekaMaluleka ibethe epalini.  

Abuye enomsindo Amabhakaniya kwisigaba sesibini. Zibekwa nje adlale umdlalo ongcono, kangangokuba u-Issa Sarr uphantse wayonzakalisa iChiefs ngebhola ayifumene kuGabuza. Ungenile uThamsanqa Sangweni endaweni kaSarr. UPaez uvuthulule intambula emva kokongqubana kwakhe noRamahlwe Mphahlele bezama ukuhlasela. UMpho Makola ukhe wazama ngembumbulu yebhola – kodwa wabe uKhune ethe qwa. Ufike washukumisa ekungeneni kwakhe uMoon othathe indawo kaMolangoane kwisigaba sesibini.

Kuphantse konakala ngethuba iibhola ezimbini zinqandwa nguKhune nepali kumzuzu wamashumi asixhenxe anesibhozo. Ukungena kukaSangweni, uBernad Morrison no-Abbubaker Mobara kwenze umashuko omkhulu kwiPirates. Umdlalo wayo ubuphucuke kakhulu kwisigaba sesibini kwaye ukuba ibingenguye uKhune osebenze kakhulu ezipalini, ngekonakele kakhulu. Amakhosi awuphumelele umdlalo ngegowuli elinye.

 

Kaizer Chiefs: Itumeleng Khune, Ramahlwe Mphahlele, Eric Mathoho, Lorenzo Gordinho, Tsepo Masilela, Hendrick Ekstein (Malope 88′), Willard Katsande, George Maluleka, Joseph Molangoane (Ryan Moon 53′), Bernard Parker (William Twala 73′), Gustavo Paez (Daniel Cardoso 86′)

Orlando Pirates: Siyabonga Mpontshane, Thabo Matlaba, Happy Jele, Ayanda Gcaba, Patrick Phungwayo, Makola (Nkosi 75′), Oupa Manyisa (Abbubaker Mobara 65′), Issa Sarr (Thamsanqa Sangweni 54′), Luvuyo Memela (Nyatama 60′), Thamsanqa Gabuza (Morrison 66′), Tendai Ndoro (Thabiso Kutumela 60′)