Amahum-hum akawakhathalelanga tu uKjell Jonevret!

Kjell Jonevret, coach of Orlando Pirates during 2017 Carling Black Label Cup Orlando Pirates Training Session at Orlando Stadium in Soweto, Johannesburg South Africa on 26 July 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando Pirates uhleli ngempundu enye esihlalweni sakhe – kodwa uthi akazikhathazi yena ngalo nto kwaphela. UKjell Jonevret uvumile okokuba akukho siqinisekiso sokuba yena uzakube esengumqeqeshi wePirates xa kuqala isizini entsha kwinyanga ezayo. Le ndedeba yaseSweden yaqala ukuqeqesha iPirates ekuqaleni kwenyanga yesibini kulo nyaka (2017). Yangena endaweni kaMuhsin Ertugral – owalahla emva kokuvuthululwa kweBucs ngo’6-1 yiSuperSport United.

Nangona uJonevret ekwazile ukubeka iPirates kumdlalo wokugqibela kwiNedbank Cup kwinyanga ephelileyo – kodwa oko khange kwanele ngoba yabethwa kwakhona yiSuperSport kuloo mdlalo. Ekugalelekeni kwakhe lo mqeqeshi kwakukho ithemba lokuba izinto zakuguquka kwiPirates emva kweminyaka emithathu yendlala. Akwanzekanga oko, ngoku kuvaka iindaba ezithi abaphathi bakhangela ndoda yimbi enokunceda eli qela laseSoweto. Iingxelo zithi umqeqeshi we-Uganda, uMilutin ‘Micho’ Sredojevic usendlelen eza eMzantsi Afrika – apho azakuqeqesha iPirates. Kucingeleka ukuba uMicho uzakusekelwa nguTeboho Moloi ekuvakala ukuba uyishiyile iChippa United ebesebenza njengesekela mqeqeshi phambi kwesizini yePSL ka-2017/18.

Ngethuba ethetha neentatheli izolo, uJonevret uthe akanalo tu ixhala ngoba uyawazi umahla-ndinyuka wasebholeni. “Ngokubhekilele kwikamva lam, andizikhathazi ngalo. Kudala ndilapha ebholeni, ndiyazi ukuba ngenye imini ndizakuhamba apha. Ndizakuthi: “Uzamile Kjell, ukwenzile konke okusemandleni wakho. Ndingatsho ukuba asinto endiyicinga njalo. Ndivukela apha yonke imihla ukuzokwenza endikwaziyo ukufikelela kuko,” utshilo uJonevret.

Amabhakaniya alungiselela ukuqubisana neKaizer Chiefs kumdlalo omkhulu weCarling Black Label ngoMgqibelo. Ngumdlalo lo ekulindeleke kuvavanywe futhi kujongwe kuwo ukulungela kwabadlali isizini entsha.