UMusa Nyatama ngumdlali omtsha wePirates

Namhlanje iBucs ibhalise umdlali-siswini ezincwadini zayo namhlanje. UMusa Nyatama ngumdlali omtsha we-Orlando Pirates ngokusesikweni emva kokuba iBloemfontein Celtic ivumile ukumkhulula emini namhlanje. UNyatama, 29, ngomnye wabadlali-siswini abanesiphiwo esingumangaliso sokudlala ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika kwaye ngomnye wabadlali abathe bayinceda kakhulu iCeltic kwisizini edlulileyo ephantse yasengxakini kuyo. Ukuhamba kwalo mdlali kwiPhunya Selesele kulandela iingxoxo ezihambe kakuhle phakathi kwala maqela mabini.

“Siyi-Orlando Pirates sinovuyo olukhulu ukwazisa ukuba sivumelene neBloemfontein Celtic ngoMusa Nyatama. Siliqela sifuna ukubulela umnumzana uMax Tshabalala ngokuwuphatha ngobunono lo mba walo mdlali. UNyatama ngowaseBenoni kwaye kulindeleke okokuba agaleleke apha eGoli ngomso,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiBucs namhlanje.

Kwelinye icala uLehlogonolo Masalesa utyikitywe yiPlatinum Stars emva kokuba edlalele iBafana Bafana kutshanje kwiCosafa Cup. Lo mdlali owayedlalela iPirates ebedlalela i-AE Larissa yaseGreece.

Yona iSuperSport United ityikitye uSiyabonga Nhlapo obedlalela iBidvest Wits noPrince Dube. UNhlapo uhleli iminyaka emine kwiWits.