Igxekwe kanobom iANC kwisikhumbuzo sikaceba obulewe ngunyana wakhe

Umhlolokazi onguSiyolise Mabandla, kwinkonzo yesikhumbuzo kaMandla, eKapa. Umfanekiso: Bheki Radebe

Kapa: Zitshintshisele ngeqonga izithethi kwinkonzo yesikhumbuzo kaMonde Mabandla zimchaza njengendoda ebithobekile, iqiqile nebisoloko inika ingcebiso xa kuyimfuneko. 

Ilungu lombutho wamagqala omkhonto wesizwe, uLinda Jixi umchaze uMabandla njengendoda eyayizimisele ukulwela isizwe isebenzela umbutho weANC: “Ndandimqeqesha kwiMK ngo-1989 uMonde! Ngeloxesha iANC yayingekathengiswa, kwakungekho mntu wayefuna ukubayinkokeli ngenxa yokoyika ukuzibophelela! Hayi ngoku wonke ubani ufuna ukukhokela kuba ejonge inzuzo. UMabandla wayenembeko, ethobekile, eyimamela imiyalelo, umka ngexesha elibi apho umbutho wesizwe ufuna iinkokeli ezifana naye; ezibeka abantu kuqala.”

Ilungu lesigqeba kuzwelonke kumbutho woluntu iSANCO, uNomfundo Moshani naye umchaze uMabandla njengomntu obezimisele ewuthanda umbutho weANC. UMoshani uthe: “IiCawe zinoxanduva lokuthandazisa abazali; bathandazele abantwana babo, kufikelele ixesha lokuba wonke ubani ancedise kumlo weziyobisi kuliwe nabashishina ngazo.” 

UMoshani ubongoze amakomanisi oMzantsi Afrika ukuba nokuba kuyintonina mawangayilahli iANC.

Unobhala wamakomanisi oMzantsi Afrika ephondweni uBenson Ngqentsu usebenzise le nkonzo yesikhumbuzo ukuvakalisa ukuba abasonelisekanga lulawulo lukamongameli uJacob Zuma: “Wathengiswa umbutho we-ANC! Kuthengiswa ukubalilungu lalo mbutho, ukuba ngumthunywa kwinkomfa kufuneka uthenge, ngoku lixesha lokuba amakomanisi akhethe ukuthembeka embuthweni wawo, eluntwini okanye kusapho lakwaGupta. Sijongile ingaba iANC izakukwazi na ukuqalela ngokutsha kwezi nyanga zimbalwa zilandelayo phambi kwenkomfa yolonyulo? Makhe sizibuze kutheni kuso sonke isivumelwano soshishino kukho igama lakwaZuma? Kuzo zonke iziniki-maxabiso eburhulumenteni kukho igama lakwaGupta.”

Kwinkonzo yesikhumbuzo kaMandla, eKapa. Umfanekiso: Bheki Radebe

Akayekanga engakhange awuchaphazele umba wemali yesibonelelo sikarhulumente esithi bengamakomanisi baphakamisa ukuba le mali isasazwe yiposi: “Bonke abaphathiswa bayahlengahlengiswa, kugxothwa nabasebenza kakuhle, kodwa uBathabile Dlamini akagungqiswa tu! Oko wabangumphathiswa wentlalontle. IANC yoyisakele ukujongana nengxaki yobuqhophololo! UZuma makehle ngoba uyayibulala inkxaso yeANC.”

UMabandla uzakubekwa kwikhaya lokugqibela ngoMgqibelo, umhla wama-29 kule nyanga eDyamala, eDikeni kwaye uzakuba ngumntu wokuqala ukufumana umngcwabo wasemkhosini kula lali. Isebe lamagqala omkhonto wesizwe lithe lizakumnika elo wonga ngenxa yegalelo lakhe.