Lindulukele eJamani iqela lamantombazana aseMpuma Koloni!

Abadlali beqela leMpuma Koloni ngethuba belungiselela ukuhamba kwisikhululo saseMonti namhlanje. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Iqela lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo eMpuma Koloni lindulukele eJamani ngolu rhatya. Le yingqokelela yabadlali bebhola ekhatywayo abakhethwe ngenxa yezakhono zakho eziqaqambileyo zokudlala ibhola kwizithili ezisibhozo kweli phondo. Ababantwana baya kolu tyelelo lwaseYurophu ngoncedo lwesebe Lezemidlalo, Ulonwabo noBugcisa olunamakhonkco entsebenziswano omeleleyo nelizwe laseJamani. Injongo yokuthumela iqela labadlali bebhola ekhatywayo kwela lizwe kukutshintshiselana nela lizwe ngolwazi neenkqubo zophuhliso kwezemidlalo. Ngo-2015 iphondo leMpuma Koloni neGerman Federal State of Lower Saxony batyikitya izivumelwano eziliqela zentsebenziswano kwimiba equka utyalo-mali, uphuhliso kwezentlalo noqoqosho, imidlalo, ubuchwephesha nezokhenketho.

Andile Nduna's photo.

Ngethuba I’solezwe lsiXhosa lityelele abadlali kwisikhululo seenqwelo-moya eMonti namhlanje, bonke abadlali bebenodlamko olungathethekiyo futhi kubonakala ukuba bayakuvuyela ukufumana ithuba elinqabileyo loya kufunxa ulwazi kwilizwe laphesheya. “Siyodlala itumente esimenywe kuyo eJamani. Siyakuvuyela nyhani ukuya kwelinye ilizwe, zininzi izinto esinokuzifunda phaya ngoba asenzi izinto ngokufanayo,” utshilo u-Onelisa Namasele.

Le ntokazi, 18, yaseMoiplas ibisandula kuya kwinkampu yeBanyana Banyana kwaye ithi izimisele ukudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu. “Ndenze konke ebendinako kula nkampu, sininzi izinto endizifundileyo ezifana nokusebenzisana nabanye abadlali ebaleni. Ibhola yinto endiyithandayo kakhulu kwaye yeyona nto ndifuna ukuyenza ebomini bam. Ndiyakunqwenela ukudlalela iBanyana Banyana,” itshilo le ntokazi incumile.

Eli qela lamantombazana lisezandleni zikaDouleen Whitebooi osele engumqeqeshi onemfundo ethe xhaxhe kwicala lezoqeqesho lwebhola ekhatywayo yamantombazana. “IMpuma Koloni inenkqubo enayo neLower Saxony, ngoku sihamba neqela lamantombazana elizakudlala imidlalo emithathu phaya. Sizimisele ukubuya nayo indebe ngoba siyazi ukuba kudlalelwa yona. Nangona kunjalo – kodwa sizimisele ukufunxa ulwazi kangangoko esinokulusebenzisa kumdlalo wethu apha,” utshilo uWhitebooi.

Pedro Mapelo's photo.

AmaJamani mahle kakhulu kwicala lokudlala ibhola ekhatywayo – kodwa umqeqeshi weqela leMpuma Koloni uthi baqule baligangatha. “Xa ungumqeqeshi ingase ifumane ixesha eloneleyo nabadlali enkampini, mna ndizilolonge nabo iintsuku ezimbini qha kwaye ndiyaqala ukudibana nabo njengokuba besuka kumaqela ohlukeneyo. Sisebenze kakuhle kodwa izilo, noko sihamba siqinisekile ngabadlali abazakuqala umdlalo phaya. Into endicinga ukuba singayifunda kwiJamani kukunyamezela. Xa bedlala kwela lizwe abanikezeli tu kude kube sekugqibeleni,” utshilo uWhitebooi.

Umphathi jikelele kwisebe leZemidlalo noLonwabo, uNkosikazi Deidre Sedras, ubakhaphe ngamazwi enkuthazo abadlali watsho ebacela ukuba babuye nendebe eJamani. “Phaya nizakufunda izinto ezininzi, ndifuna ukunikhuthaza ukuba ningaphoswa nayenye kwizinto enakuzifundiswa eJamani,” utshilo uSedras.