I’solezwe lichithe iMandela Day nabantwana

Abakwa Rhino ne-Isolzwe lesiXhosa befundisa abantwana baseSANGE Child and Youth Care Centre ukulima nokubaluleka komhlaba ngomhla weNelson Mandela Day 2017, eChicken Farm ngaseMdantsane

IPHEPHANDABA I’solezwe lichithe eyalo iMandela Day ngokutyelela ikhaya eligcina abantwana abadandathekileyo iSange Child and Youth Care Centre eChicken Farm kufuphi naseMdantsane.

Ngokubambibana nabakwaRhino Cash and Carry, I’solezwe lityelele eli khaya apho iintatheli nabakwezeli beli phephandaba bathe babekela bucala ubomi bokugocagoca ngemibuzo, ukuthatha imifanekiso, ukuzoba amabali nemifanekiso ephepheni nokurhwebesha iintengiso ze babhinqa omfutshane besenza inkonzo yoluntu.

Bekuphekwa ekhitshini laseSange kulungiselelwa isidlo sasemini sabantwana, babe abanye betyala imifuno egadini – umfuziselo wokuba ukuze sikhuseleke ngokokutya kufuneka silime egadini.

Hayi ke uncumo ebelubhalwe kubantwana baseSange, abebesitsho ngalo ntsholo yezitibili ethi ‘ndimamele’.

Umhleli wephephandaba I’solezwe * -Unathi Kondile uthi iphephandaba likuthakazelele ukuchitha iMandela Day neSange, kodwa wagxininisa ukuba isisa nenkonzo yoluntu yinto ebekufanele ukuba yenziwa umhla nezolo luluntu.

ULucas Mtumi wakwaRhino Cash and Carry uthi le venkile ikuvuyele ukubambisana nephephandaba I’solezwe, watsho esithi bazimisele ukubane besithi gqolo ukuwatyelele amakhaya afana neSange.

USelinah Ntsangani waseSange, uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwe liphephandaba I’solezwe esithi inyhweba efana nale isondele kakhulu kwiintliziyo zabo belelakhaya.

ISange, eyaqala ngo2007, igcina abantwana abangamaxhoba oxhatshazo, ikwenza oku ngokuboluleka engqondweni ze emva koko ibanonophele yandule ukubathumela esikolweni.