Ayabuyela eMbhashe amahashe aphalayo

Kule mpelaveki kuzakube kuqhum’ uthuli eDutywa xa kukhuphisana amahashe aziindidi ngeendidi kwiNgumbela Horse Racing kwilali yakuBhomela ngentsimbi yesibhozo ngeCawe.

Lo mdyarho wamahashe uye wamkhulu ngeyona ndlela imangalisayo nangona ubuqala kulo nyaka. Usungulwe kwinyanga ephelileyo nguNgumbela – usomashishini odume ngokunceda uluntu.

Kule veki kuyagqityezelwa imidyarho engazange igqitywe. INgumbela Horse Racing yatsala umdla wamahashe needyokhi zalapha kweli phondo naphuma kumaphondo afana neFree State.

Maninzi amashe aziwayo abanomdla wokuwabukela abantu – kodwa elona lijongwe kakhulu ngu-Andazi.

Eli hashe alinantanga kweli phondo kwaye kulindeleke liphume phambili kulo mdyarho. Kunyaka ophelileyo * -Andazi waphumelela iBerlin November kwaye uqhube kakuhle nakweminye imidyarho emva koko.

Lo msitho uxhaswa nangumasipala waseMbhashe.