Libathuka ngoonina igosa laseBCM

OOsomashishini abasakhulayo abakhangela umsebenzi kumasipala waseBCM ngokufaka izicelo zabo, batyhola ukuba bangamaxhoba okuthukwa ligosa elithile kulo masipala.

Ingxelo ithi eli gosa lisebenzisa izithuko xa libaxelela oko kumele ukuba bakwenze okanye ekumele ukuba beze nako. Bathukwa ngoonina abantu ligosa likamasipala waseBCM ngethuba betyelele ii-ofisi zikamasipala eChiselhurst eMonti.

UThandolwethu Sawuli lixhoba lokugqibela lale ndoda edume ngokuthuka abantu abafuna iinkonzo kula masipala.

“Ebengaqali kundithuka lo mfo emva kokuba ndiye ndabuza okuthile kuye, sithe sakungavani wandithuka ngomama esithi uzakundibulala ndinye ukuba andibhadlanga, ndithe ndakuxelela amanye amagosa, andixelela ukuba ngumthetho wakhe uyabathuka abantu,” uthethe watsho uSawuli.

Eli xhoba liphila ngokufumana imisebenzi kwamasipala nanjengoko linenkampani eyenza imisebenzi eyahlukeneyo.

Ngenxa yesi sigrogriso sokundibulala, ndibaleke ndaya kuvula ityala kumapolisa aseCambridge ndinqwenela ukuba kuthathwe amanyathelo ngakulo mfo.

UBongile Manki naye uthi uyazana nokuxhatshazwa ngokuthukwa sesi sicaka sabantu.

“Usithuka ngoomama lo mfo, uthuka nabantu abangoomama abadala abaya phaya befuna ukuncedwa, bathi kuba bayamoyika, basuke bahleke kuba bafuna ukufumana umsebenzi,” uthethe watsho uManki.

Le ndoda isebenza kwisetyana elijongene nokukhutshwa kwemisebenzi ngokuqesha iinkampani zabucala. Igama lomtyholwa liyaziwa leli phephandaba.

Umqulu obonisa indlela abamele ukusebenza ngayo abasebenzi bakarhulumente kweli, uthi makuhlonitshwe, kuqalwe ngabantu kuqala kuyo yonke into eqhubeka kwarhulumente.

“Ngale mini ebendithuka ngayo ibingumhla wesihlanu apha kule nyanga, undixelele ukuba ebendibonile egaraji eQonce, wacinga ukuhlasela andenzakalise phaya,” uthethe watsho uSawuli.

Elinye ixhoba elingavumanga negama lalo, lithi yinto endala eqhelekileyo kubo bengoosomashishini abancinci ukuthukwa leli gosa laseBCM.

“Xa sifaka ezi zicelo zethu zokufumana umsebenzi phaya, siye sisebenzise iifowuni zaphaya kwamasipala, uye afike lo mfo siphaya, abuze ingxaki yakho uzame ukucacisa, xa aphendulayo akakwazi kuthetha nawe engakuthukanga, ekuxelela ukuba uyincuva, le nto uyifunayo ayifanelekanga ukuba ifunwe apha emnxebeni, uyathuka yena,” litshilo ixhoba.

Kwiinzame zethu zokufumana isetyana elijongene nonxibelelwano kumasipala waseBuffalo City Municipality, asikhange siyifumane impendulo. Bangaphezu kwesihlanu oosomashishini abasakhulayo esithethe nabo ngalo mcimbi, bengavumi kuthetha kodwa bengqina ukuba iyabathuka le ndoda.

“Ukhohlakele lo mfana, kungcono ukuba ubengumhlobo wakhe ukuze ufumane iinkonzo kula ndawo, awuvumelekanga ukuba ubone izinto ngokwahlukileyo kuye, undincede ngegama lam, nam ndiyoyika,” litshilo ixhoba.