Kujinga izembe phezu kweSouthern Kings

LifikILe ixesha lokuthathwa kwesigqibo yiSuper Rugby ngekamva layo namaqela athile adlala phantsi kwayo.

Lo mbutho wombhoxo wagqiba kwelokuba ucuthe inani lamaqela adlala phantsi kwawo phambi konyaka ozayo kwaye isigqibo kulindeleke senziwe ngoLwesihlanu. Elinye lamaqela ekucingeleka ukuba lingaguzulwa yiSouthern Kings yaseMpuma Koloni.

Ukuphulukana neqela lombhoxo kwinqanaba eliphezulu yinto engasoze ibe mnandi konke konke kubantu beli phondo nakubalandeli balo. Ezi nguqu zenziwa yiSuper Rugby ziphenjelelwe kukwehla kwamanani wabantu ababukela umbhoxo emabaleni, nabo babukela kumabonakude.

IKings ingcambaza kakuhle nangona ijamelene nekamva elingacacanga kakuhle. Kwiveki ephelileyo, amakhwenkwe kaDeon Davids abuye nempumelelo emva kokubetha iJaguares ngo’31-30 kumdlalo owawunzima eBuenos Aires.

Nangona eli qela lizinze eBhayi belibethwa oko ekuqaleni kwesizini – kodwa likwazile ukuguqula izinto. Kule veki iphelileyo liphumelele imidlalo emine kwemithandathu eliyidlalileyo – lo nto ibonisa mhlophe ukuba lizimisele ukulwa kude kube sekugqibeleni.