Ubekelwe imiqathango enzima uFadlu Davids

Luxolo September, PSL Communication Manager and Maritzburg coach Fadlu Davids as coach of the month for April during the 2017 February goal of the month and Player of the Month Awards at PSL Offices on 8 May 2017 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

UFadlu Davids usavuyela ukuchongelwa kwakhe kwisikhundla sokuqeqesha kwiMaritzburg United – kodwa nangona kunjalo, kuzakufuneka abhinqe omfutshane zisuka xa kuqala isizini entsha ngoba ubekelwe imiqathango enzima nguFarook Kadodia. Emva kokubeka iMaritzburg United endaweni entle kwisizini edlulileyo, uDavids utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emibini. Le ndedeba yathath’ iintambo kwisizini ka-2016/17 emva kokulahla kukaRoger de Sa nasemva kokuhamba kuka-Ernst Middendorp.

IMaritzburg United isokole kakhulu kwezi sizini zimbini zidlulileyo kwaye yenze iinguqu ezininzi – kodwa okubalulekileyo kukuba ikwazile ukumelana nazo zonke iindzingo ebijamelene nazo. Usihlalo weTeam of Choice, uFarook Kadodia, udandalazise okulindelekileyo kuDavids. “Into esiyifunayo icacile; sifuna ukuba phakathi kwamaqela amahlanu aphambili xa kuvalwa isizini yePSL nokudlala kumdlalo wamanqam wendebe nokuba inye,” utshilo uKadodia.

Nangona ingekabinalo ithamsanqa lokuqhuba kakuhle kwimidlalo yokhuphiswano iMaritzburg United – kodwa ngethuba iqeqeshwa nguSteve Komphela, yakhe yayibamba indawo kwiTop 8 yePSL. Kungenzeka konke okufuna liqela ukuba unikwa zonke izinto azifunayo uDavids. “Siyazi ukuba singayenza le nto, sizimisele ukulixhasa iqela ukuze liphumelele. Siyakholelwa ukuba sifanelwe yindawo ephambili kwiPSL. Siyathemba ukuba umqeqeshi wethu uzakuhlala ithuba elide. Ungumntu ozimiseleyo kwaye uyakwazi ukulawula abadlali bakhe,” utshilo uKadodia.

UFadlu Davids ngoyena mqeqeshi omncinane ngeminyaka ozakuqeqesha kwi-Absa Premier Soccer League – kodwa akukho sizathu sakumthandabuza ngoba udlalile kuyo waphinda wabamba njengebambela-mqeqeshi. Uzibonakalisile ukuba uyakwazi ukuqeqesha amatyeli amabini emva kokuba iTeam of Choice iphulukene nabaqeqeshi. Ibe yinto enkulu nencomekayo kakhulu ayenzileyo uDavids emva kokuthatha iMaritzburg isokola wayibeka kwindawo yesixhenxe ekupheleni kwesizini yePSL ka-2016/17. Ukuba uKadodia angathenga abadlali abasemgangathweni, iqela lakhe lingabuyela phakathi kwalawo aphambili kwibhola yaseMzantsi Afrika.

Enye yezinto ezimnandi ngalo kaDavids kukuba ungumqeqeshi oyilambeleyo impumelelo futhi okhutheleyo. UDavids wafakwa phantsi kwekhwapha nguMiddendorp emva kokonzakala kwakhe esengumdlali webhola kwiminyaka edlulileyo waphinda wasebenza naye kumaqela ohlukeneyo apha eMzantsi Afrika. Kuchongwe uMahier Davids no-Arthur Bartman njengamadoda azakuncedisa umqeqeshi kwiphulo lokuvuselela eli qela laseMgungundlovu.