Asilwazi uthando singootata

Mvanje eMzantsi Afrika kusuke kwagqama amabali okubulawa kwabantu ngabantu abathandana nabo, kunye nabantu abazibulalayo ngenxa yezizathu eziphathelene nezothando.

Ndinento endihlala ndiyithetha ndisithi, uyabona uthando lunamandla okukwenza ubengumntu ongcono kunalo unguye, okanye lukwenze ubeyeyona ndlobongela iphume izandla apha elizweni.

Uninzi ke lwabantu abaqatseleyo ngokuba ziindlobongela kwimicimbi yezothando ikwasithi bantu bangootata. Ikhona lento isoyisayo, iyafuna ukhe siyiqwalasele le nto.

Iyakuze indoda imdyolele usisi othandana nayo amatyeli amaninzi imane ibhaqwa, kodwa lo sisi amane eyixolela ngokuba iyindoda yakhe. Ikhale le nzwakazi isule iinyembezi yakugqiba iqhubekeke ukuthanda indoda yayo ngokungena sikrokro.

Ndihlala ndizibuza kemna ukuba yintoni eyenza oosisi babenentliziyo ende yokuxolela nje? Impendulo yalo mbuzo ndiyacinga ndiyifumene xa bendibukele inkqubo kamabonakude * -Scandal, xa abalinganiswa uSiseko Langa (nolingiswa nguHlomla Dandala), uBoniswa Langa (olingiswa nguLusanda Mbane) kunye noYvonne Thebe (olingiswa nguKgomotso Christopher) bekunxantathu wothando.

Uthe uBoniswa akuthi uyawuqhawula umtshato wakhe kuba uSiseko ekrexeze noYvonne, wavuya kakhulu uYvonne ebumnyonyozela uBoniswa lo. Boniswa lowo uthe akujonga uvuyo lukaYvonne sesi sigqibo sakhe wakhawuleza watshintsha ingqondo, sele kengoku ebuyela kuSiseko wakhe esithi akayi ndawo.

Kum kuvele kwacaca gca ukuba abantu aba basetyhini, ngabantu abakholwayo kakhulu lukhuphiswano kwaye abathandi ukoyiswa omnye ngomnye endodeni.

Ndathi mhlawumbi yiyo le nto bekhawuleza ukusixolela nje xa siye samosha kungokuba abafuni ukoyiswa kolu khuphiswano lwabo laziwa ngabo bodwa.

Into endenza ndingonwabi umphefumlo kukwelicala lethu bootata xa sityelwa, thina asikwazi tu ukuyimela. Uninzi lwethu lusuka lubezindlobongela ezinganqandekiyo.

Yenziwa yintoni le nto? Andithi ihleli nje sithi abamosha kakhulu, nabaxolelwa kakhulu? Kutheni singenakuxolela nje xa isithi abamoshiweyo?

Sikule nyakanyaka sikuyo nje, sekukho nezihloko zoo #MenAreTrash, kungenxa yokukhweleta kwamadoda athile ade abulale abasisi bathandana nabo.

Ngamanye amaxesha xa indoda iligwala ide izindlobongelele yona siqu izibulale. Kutheni le nto kule nto intle kangaka iluthando kuzakuphuma iziqhamo ezibi nje? Bekungamelanga na noko ziyonwabisa izinto ezenziwa ngabantu abathandanayo na?

Sonke ke phofu sinabo abantu esibaziyo abazibulalayo, okanye ababulawayo ngenxa yokukuthandana ndini. Sizwe sakowethu mna ndithi kuni xa ingakhaliyo iyayekwa.

Xa niyibona ukuba ngoku ayisasebenzi le nto yolu thando lwenu, inenza iindlobongela zoomakrwadeni, phumani kuyo. Ukuba bekusiyiwa ngam ngendisithi endaweni yokuba nibulalane, qhawulani loo mtshato ngcono. Ewe kungababuhlungu, kodwa ke ixesha ngumpholisi wamanxeba.

Masingaphinde sifunde emaphepheni ngomntu obulele unkosikazi, abantwana, kunye nesiqu sakhe ngenxa yokuba ekhweleta.

Masingaphindi sive koonomathotholo ngamadoda abulale, atshisa abantu babo ngenxa yokuba betyelwa. Madoda masiyeke ukuba ngamagwala eentetho neengcinga zabantu.

Ngokuba sisenza obu bundlobongela nje kungokuba siyacinga ukuba sizakuhlekwa ngabantu. Mhlobo wam awungowokuqala ukutyelwa, ungenguye nowokugqibela.

Yiginye nokuba iyakrakra, ususe iingcinga zokufa kuwe, uthathe amanyathelo asemthethweni. Kubuhlungu ke kuthi thina bantu babukeleyo ngokuba nishiya iingxwelerha zeentsapho nabantwana benu bezimpula zikaLujaca.

Xa unomsindo sukuthatha izigqibo ezisisigxina, khawukhe uthi gu bucala ucingisise, ukuba uyoyisakala ufune iingcebiso.

Akukho sidingo sokubulala nokubulalana ngenxa yokutyelwa nto zakowethu.