Amashishini asakhasayo azakufumana inkxaso evela kurhulumente.

USodolophu woMasipala iKSD uDumani Zozo

 Ibhunga lezoqoqosho elikhokelwe
ngusodolophu weKing Sabatha Dalidyebo uDumani Zozo,  lingqubanise iintloko izolo ngeenjongo
zokuxoxa nokufumana iimpendulo kwimiba engqonge ukudodobala koqoqosho kulo
masipala.

Le ndibano, nebizinyaswe ngamasebe ohlukeneyo
karhulumente,  ize nezicwangciso namacebo
okuphuhlisa uluntu ukuze kwande iqondo lokuveliswa kwabo bangamafama kunye
nokusekwa kwamashishini azakuthi adlale indima ekuphuhliseni uqoqosho.

“Olu phuhliso alunokwenzeka ngaphandle
kokuba thina singumasipala sibonelele oosomashishini abasakhasayo ngezixhobo
zokusebenza kwaye sibathengise ukuze baziwe kweli loMzantsi Afrika liphela.

“Oyena mceli mngeni sijongene nawo  kukungabinamdla wokusebenza kwabantu sele
umhlaba, amanzi nezixhobo zikhona, ingakumbi xa sithetha ngolimo lwamasimi,”
kutsho uCllr Zozo.

Oyena mba utsale umdla wabazimasi
sisicwangciso sokubonelela abaniki zinkonzo noosomashishini abasakhasayo iSmall
Medium Micro Enterprise ngemisebenzi karhulumente. La mashishini aye axhamle
kancinci maxa wambi angafumani nochatha kwimisebenzi eyenziwa kwizixeko akuzo
ngenxa yalawo sele ezingxilimbela.

UXolile Nkompela ongusihlalo weANC kulo
masipala uthe, “Amaxesha amaninzi, amashishini amancinci azibona echola
imvuthuluka endaweni yokunikwa amathuba okusebenza kwimisebenzi efana nalo
ujongwe ngamehlo abomvu luninzi wokulungiswa kohola wendlela uN2 noxabisa
izigidi.”

“Ukuqala ngoku sifuna ukufumana
ingxelo ecacileyo ngako konke okwenziwayo ekuphuhliseni la mashishini, ukuze
siqinisekise ukuba umgangatho wezoqoqosho weKing Sabatha Dalidyebo siwubeka
apho kufanele ukuba uhleli khona,” utshilo uNkompela.

Isebe lezoPhuhliso loQoqosho noKhenketho
libethelele ukubaluleka kwezokhenketho, latsho lisithi urhulumente makazinikele
ekulondolozeni indalo nokuphucula inkangeleko yamalwandle neendawo ezigcina
izilwanyana ukuze zibenomtsalane kubakhenkethi.

USizakele Gabula noyintloko yeli sebe uthe
bazinikele ekufundiseni abantu ngokubaluleka kwamalwandle, nokuloba ukuze
babenolwazi ngeendawo, izilwanyana neziqhamo ezikhuselwayo nekungavumelekanga
zitshatyalaliswe.

Uthe, nangona ukuloba ngeenjongo
zokuthengisa kungeloshishini elihoyiweyo luluntu oluntsundu, eli phondo
lingazityebisa ngalo.

USodolophu uthe bazakuwunika ingqwalasela
umsebenzi wabalobi, babonelelwe ngeendawo ezikhuselekileyo zokugcina iimbaza
neentlanzi kwaye babonelelwe ngeendlela zokuzithutha bazise kwiindawo
zokuthengisa.

UNkompela uthe,  le ndibano ibihlakulela eyephondo engemigaqo
yeli qela ezakubanjwa kule veki izayo, nalapho kuzakugxilwa ekuphuculweni  koqoqosho nokunikezelwa kweenkozo eluntwini.